Lishumi ekhulwini abanengxaki yezintso

Lishumi lamawaka abantu beli loMzantsi Afrika abathi babhubhe unyaka
nonyaka ngenxa yezifo ezimayela nezintso.

Imvumi yomculo wevangeli kweli uSfiso Ncwane ngomnye kula manani wabemi
beli abathe balishiya eli ngenxa yale ngxaki. UNcwane ubulelwe zizintso
ebutsheni baleveki, kwaye ubekwa kwikhaya lakhe lokugqibela ngale njikalanga.

Ngokwengxelo ekhutshwe yiNational Kidney Foundation of South Africa
izintso zibulala amadoda, abafazi, ulutsha kunye nabantu abadala.

Le meko ibangela ukuba abanye kwaba baphile ngokuncediswa kwezintso zabo
logama abanye bathi babhubhe ngokushiya kwemeko zabo.

Lengxelo ikwathi ngabantu abakwishumi ekhulwini lepesenti kwihlabathi
abakwaphila nengxaki yezintso.

Uninzi lwabemi belo Mzantsi Afrika abajijiswa zizifo ezihambelana
nezintso benziwa yimfuzo logama abanye ibangela zizifo ezifana nesifo
seswekile.

Ikhuphe lengxelo iNational Kidney Foundation of South Africa ngelizama
ukunabisa ubongozi bezifo zezintso.

Indibanisela yamazwe akwi-United Kingdom achitha imali ekwibhiliyoni ezintandathu ngelizama ukukhusela
abemi belalizwe abajijisana nezifo zezintso 
phakathi konyaka ka-2006 no-2007.