Iimeko zisemaxongo kwiqela lomdaniso lwase Nelson Mandela Bay iPE’s Finest Dance Company elisajonge ukuntingela kwilizwe laseMelika liyokumela uMzantsi Afrika kukhuphiswano lomdaniso we-hip-hop ekupheleni kwale nyanga.
UJunior Ferreira oyinkokeli yeli qela uzityand’igila kweli phepha-ndaba esithi iqela labo lasekwa ngonyaka ka-2009 , kodwa sebeqokelele malunga namashumi amathathu eendebe.
Uthi batyunjwa phakathi kweencutshe noompondo zihlanjiwe zomdaniso kukhuphiswano obelubanjwe kutshanje ngenxa yokuzinikela kwabo nothando olungazenzisiyo kwiintlobo zomdaniso eziquka owesintu nalo wokuvetyeza nokwaphul’iqolo beziqwabaza amathambo obizwa ngokuba yi break dance.Uthe baliqela lolutsha elingathathi ntweni kodwa ukuzimisela kwabo kubabeke kule ndawo.
“Ndithetha nje sesisuka eLas Vegas amatyeli amabini siyokumela ilizwe lethu kukhuphiswano lwezizwe ngezizwe, kungoku nje sisentlungwini yokusokola iintsiba zokuba siye e – America siyokuphakamisa ibhanile yelizwe lethu kukhuphiswano lwegolide apho,” utshilo uFerreira. Omnye wamalungu eli qela uNtuthuzelo Grootboom uthe iphupha labo kukuba bakhenkethe amazwe ngamazwe bemela uMzantsi Afrika ngokwenza izinto ezinika umdla. “Singadana kakhulu ukuba singaphoswa lithuba elihle kangaka ngenxa yokuswela.
Sicela abantu bakowethu bancedisane nathi ngokusiweza kulo mmango,” utshilo uGrootboom.
Ayakhala amafama aseMelika ngesigqibo sikaTrump