…Lisuka kwiphepha 1

“Abafundi bangena baphinde baphume apha bengayazi ukuba yintoni iKhompyutha, kodwa naziya zihleli ziyaguga zingakhange zisebenze, kuba akanasicwangciso santo,” uthethe watsho uMcimeli.

Esinye sezityholo eziphambili ezibangele ingxaki phakathi kwabafundi nenqununu, ziindlela esetyenziswa ngayo imali yesi sikolo. “Ibala lemidlalo lakhula ihlathi kuba akukho mali okanye icebo lokuba licocwe, akukho nkqubo zophuhliso zikhoyo apha esikolweni,” batsho abafundi.

Abafundi bathi isikolo sabo sigqityelwe uucocwa ngexesha sicocwa yinkampani yabucala iSimunye emva kokuba iqaphele ukuba simdaka ngokungacacanga. Amalungu ekomiti elawulayo nootishala abavumanga ukwenza ilizwi ngale ngxaki, kodwa inkqubo yokufunda nokufundisa imi ngxi kwesi sikolo.

Le nqununu ayikhange ifumaneke ukuziphendulela kwezi zityholo kuba ayikhange ingene esikolweni, ukanti isekela lakhe lijike esangweni lingavunyelwa ngabafundi ukuba lingene.

Othethe egameni lesebe lemfundo kwiphondo leMpuma Koloni uMali Mtima uthi akhona amanyathelo asele bewathathile ngale ngxaki belisebe. “Umphathi wesithili esimi kuso esa sikolo uSihle Mnguni sele emisele igqiza elizakuphanda ezi zityholo, asinakuthi abafundi banyanisile okanye bayaxoka, kodwa uphando luyaqala ukusukela namhlanje,” uchaze watsho uMtima.

Abafundi bathi akukho zinzo luzakwenzeka kwesa sikolo de kugxothwe le nqununu.

Esi sikolo singenelela kuninzi lezikolo zeli phondo ezithe zaphazamiseka ngenxa yoqhankqalazo.