…Lisuka kwiphepha 1

“Bathathu abantu abathe babhubha apha kule minyaka iphelileyo, kuba kufuneka umntu ogulayo simthwale ngezandla simse endleleni phaya ngaseHemmingways ukuze sifumane uncedo, akukho nqwelo yezigulana ingenayo apha, asinalo nolunjani uncedo olungenayo apha,” kubalisa okaRoji.

Aba bahlali bathi urhulumente wephondo ekunye nomasipala kudala besenza iinzame zokubasusa kule ndawo kodwa bona abavumi.

“Asihambi apha into esiyifunayo kurhulumente nomasipala kukuba kulungiswe le ndawo, sakhelwe izindlu apha kule ndawo sihlala kuyo,” uthethe watsho uRoji.

Abahlali batyhola umphathiswa wesebe lezolimo nophuhliso lwamaphandle eMpuma Koloni uMlibo Qoboshiyane ngokwenza izithembiso ezingazalisekiyo.

“UQoboshiyane wafika apha wasithembisa ukuba uzakukhangela ukuba ngubani umnikazi wale fama sakhe kuyo, oko wayemke ngoko akazange aphinde abuye,” utsho uRoji.

Ukanti uNokuzola Masindwa uthi, akanalwazi lesikhokelo sabo kule ndawo kuba akazange asibone.

“Andazani naceba mna apha kuba andizange ndimbone ngaphambili, kwanombane lowo andinakuwubona nokuba kungathiwa ulayitile,” utsho uMasindwa.

Le ngingqi ikwaWadi 15 phantsi koceba onguDinesh Vallabh wombutho weDA, akaphiki ukuba uyayazi ingxaki yaseDorchester. “Ingxaki yaphaya kukuba aba bantu abafuni kusuka kula ndawo basiwe kwenye indawo, kwelinye icala umasipala uthi uncedo bangalifumana kuphela xa bevume ukusuka kula ndawo,” uthethe watsho uVallabh.

Uthi abanikazi bezindlu zodidi abahlala kule ndawo bayakhalaza ngobukho baba bantu kule ndawo.