Lisuka kwiphepha … 1

Umzali uNomsa Mdolo uthe: “Sasikade sinehlombe sityabeka sakugqiba sibethe imali sikalike. Okwenzekayo ngoku kukuba sixabana ngokutyabeka, kuba abazali badiniwe.” Omnye umzali uNolindile Jimi uthi kwamoto abayibona ingena kule lali babanethemba lokuba iphethe isibhengezo sokwakhiwa kwesikolo.

“Kwale moto yenu (I’solezwe) besinethemba elithi izokuchaza ngokwakhiwa kwesikolo. Bayagula abantwana bethu yile meko,” kutsho uJimi. Umfundi kaGrade 4 uThandokazi Hadi (10) uthi umnqweno wakhe ngowokuba nabo bakhelwe isikolo esihle esifana nezi bazibona kumabonakude.

Yena uAsanda Toso (10) uthi yanga bangakhelwa isikolo esihle kwaye esikhuselekileyo. Uthi nokuba sele bengaphakathi kumagumbi okufundela bayafana nabaphandle kuba ingqele ingena injalo xa kunetha neebhokwe zibaleka ziyokungena kubo egumbini ngoku bafundayo.

Ukanti uModi Maqabaza wombutho olwela amalungelo abantu nokuhlaliswa koluntu obizwa ngokuba luManyano Lwabaphulaphuli oyena wabona le meko yesi sikolo ngo2012, uthi, abalindelanga kubona izikolo ezikwimeko enje ingakumbi kurhulumente wenkululeko. “Akufanelekanga ukuba kusekho izikolo ezinje kurhulumente owavotelwayo. Isikolo esihle senza inkuthalo kwimpumelelo nakubantwana. Bubugxwayiba obuya umntwana angakhuthala njani kwimeko enjeya. Isebe lezemfundo malishukume.”

Isithethi sesebe lezemfundo eMpuma Koloni uMali Mtima akanikanga nkcaza ekubeni sakwakhiwa nini isikolo. Xa besimtsalela uthe uzakubuyela kuthi.