…Lisuka kwiphepha 1

Amanesi ePhondo leMpuma Koloni ngethuba eqhankqalaza phambi kwamgumbi esebe lezempilo eBhisho umfanekiso: Abongile Ginya

“Impendulo esiyifumanayo kweli sebe ithi akukho mali yokuba siqeshwe, kodwa awanelanga amanesi phaya ezibhedlele, ayafuneka ngamandla, asihambi apha singanikwanga impendulo ethi sizakuqeshwa, sifuna kuchazwe umhla ekuzakwenzeka ngayo yonke le nto,” uthethe watsho uKobese.

Aba bongikazi baphuma kwiingingqi eziquka iLusikisiki, iNgqushwa, iBhofolo naseRhini. Elinye ixhoba uNolubabalo Sompani uthi banentlungu yokuba kufuneka bekhuphe imali inyanga nenyanga.

“Sihlawula imali engange R360 rhoqo ngenyanga kwiBhunga elijongene nabongikazi, siyithatha phi imali yokuhlawula, ibuhlungu le nto,” uthethe oko uSompani.

Olu qhankqalazo lulandela elomhla wokuqala wale nyanga ngenjongo zokucela eli sebe ukuba linike impendulo kule ngxaki.

“Asihambi apha sizakulala kuba abasokuze basive aba bantu ukuba asenzanga lo nto, sithi abanentlungu,” utshilo uSompani.

Umongikazi opheleleyo kweli uchitha iminyaka emine ehleli esikolweni phambi kokuba asebenze nje ngomongikazi osemthethweni.

Othethe egameni lesebe lezeMpilo eMpuma Koloni uSiyanda Manana uthi kukho imiqathango ekumele ukuba ilandelwe xa kuqeshwa abantu.

“Sizivile izikhalazo zabo, kodwa kukho indlela ekumele ilandelwe xa kuqeshwayo, kufuneka kuqinisekiswe ukuba ikhona imali yokuhlawula imivuzo yabo bantu bazakuqeshwa, zikhona iindawo abazakusebenza kuzo, sizakubuyela kubo ngomhla weshumi elinesithandathu kwinyanga yoMqungu,” utshilo uManana

siyabulela.mqikela@inl.co.za