…Lisuka kwiphepha 1

Amagumbi esi sikolo asibhozo kwaye onke akhiwa ngemali yenkazathi yabazali. Kwankqu nootishala abathathu, kwaba basibhozo, bahlawulwa yimali ephuma kwipokotho yebhodi elawula isikolo (SGB).

NgooLwesihlanu abafundi balapha bakhupha phandle iidesika, emva koko basinde amagumbi ngobulongwe. Kodwa lo msebenzi wokusinda uyabohlula abantwana bakaGrade 1. Lo nto ibenza bafundele kuthuli oluqhumayo. Ngenxa yoku, baphuma bengena ekliniki ngenxa yokuminxana kwezo zifutyana. Yinene eyokuba kwigumbi likaGrade 1, kungcono phandle kunangaphakathi.

Esi sikolo siqale inkqubo yokufundisa ngeminyaka yoo1940. Ngo2012, kunyaka phambi kokuba kubhubhe owayesakuba nguMongameli uNelson Mandela, uMphathiswa wemfundo esisiseko uAngie Motshekga waphumeza ukuba isikolo saseMbabalane njengesinye kwezo kufuneka ukuba zakhiwe.

Ukwenza oku, uMotshekga wabhala isatifikethi wasinikeza esi sikolo njengophawu lokuba siphantsi kwephulo i94 + Projects for Madiba. Iinjongo zeliphulo yayikukwakhiwa kwezikolo njengophawu lokubhiyozela iminyaka engamashumi alithoba anesine kaMandela ngo2012. Isatifikethi esabhalwa nguMotshekga sikumagumbi esi sikolo.

Endaweni yokwakha isikolo, amagosa ezemfundo asuka afika agxumeka iflegi yelizwe loMzantsi Afrika. Le flegi kuthwa ikhathalelwe kangangokuba rhoqo xa iguga kufika igosa likarhulumente lifake entsha.

Konke oku kwenzeka nangona nje isebe lezemfundo lithe labuyisela imali engangeR530 yezigidi (R530m) kunondyebo kunyaka-mali ka2015/16. Le mali kwanyanzeleka ukuba isiwe kumaphondo afana neRhawutini, Limpopo neNtshona Koloni.

Ngethuba I’solezwe lifika kwesi sikolo lifike utitshala kaGrade 1 uNomaveleko Tshakatshela ebexakekile eyalela abafundi bakhe abangamashumi amahlanu anesithoba ukuba babale. “Masibaleni ngoo-5, siyokuma ku-75,” I’solezwe lifike esitsho.

Khange zibuze ezintshatshana zangena emxholweni zatsho ngentswahla zisithi: “5, 10, 15, 20, 25……60, 65, 70, 75.”

Bathe xa beku-35, uMandilakhe Danana, inkwenkwe eneminyaka esixhenxe ehlala ngaphambili kwigumbi eli, yakhohlela futhi kubonakala ukuba yomiwe yinto esifubeni.

“Yimeko esiphangela phantsi kwayo le. Nawe uyazibonela kunzima, ungena nesihlangu sicocekile uphume sele singcolile. Nifike ngethamsanqa kuba noko kushushu. Xa kubanda abantwana babambalwa kakhulu,” utshilo uTshakatshela.

UDanana uthi uyakuthanda ukuza esikolweni kwaye ufuna ukufundela ubupolisa.

Usihlalo webhunga elilawula isikolo uThathibenye Mguqulwa uthi emva kweminyaka becenga isebe lezemfundo eMpuma Koloni ukuba lakhe esisikolo, amagosa kweli sebe akasayibambi iminxeba yabo. “Kudala sisiwa sivuka sizama ukuba kwakhiwe esisikolo. Silahle amathemba ngoku, kodwa lona ikamva labantwana bethu sizakuthi gqolo ukulilwela,” utshilo uMguqulwa.

Umfundi kaGrade 7 * -Eza Mgabela uthi onke amabanga akhe uwafundele apha. “Ndiqale ukusinda ndikuGrade 4. Eyona nto ebangele ukuba ndinyamezele kukuba ndifuna imfundo kwaye ibingekho enye indawo endinokufunda kuyo ngaphandle kwalapha,” utshilo uMgabela.

UZozi uthi yiminyaka elishumi elinesine efundisa kwesi sikolo. “Eyona nto ebangela ukuba ndinyamezele apha kukuba ndazalelwa apha, futhi ndiyayiqonda eyokuba ndinoxanduva lokuphucula imeko yabantwana bendawo endizalelwe kuyo. Xa kubanda waze umntwana akaza esikolweni, andimbuzi nokumbuza kuba ndiyayibona imeko. Lide ithuba sizama ukuthetha nesebe ukuba lisakhele isikolo,” kutsho uZozi.

Isithethi sesebe lezemfundo eMpuma Koloni uMali Mtima uthi esi sikolo sithatyathelwe ingqalelo lisebe. “Sicela abahlali bale ndawo ukuba basinyamezele, sizakude sisifezekise isithembiso sokwakha esi sikolo.”