Lisuka Kwiphepha 1…

Ekuqaleni kwalo nyaka uMthetheli Dila wahlaselwa zezi zinja waza wafunyanwa ebhubhile ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe kwinyanga yoMqungu. Indoda engumelwane, uZola Bebeza, waba ngowokuqala ukufika kwindawo awayewele kuyo uDila.

“Wayedlakadlaka ngendlela endingakwazi nokuyichaza, ingalo zazidlakadlaka, apha emqaleni enamanxeba nalapha ngaphambili zimdlakazile kodwa zingadanga zawasusa amaphambili; impundu zombini zazisukile zingekho umphelo,” ucacise watsho uBebeza. UDila wayedlakazwe amathanga, indlebe yasekunene umzimba utyokololo okomntu obebethwe emalungwini, itsho ingxelo.

Ukanti uceba wakwa wadi 17 kumasipala waseEnoch Mgijima, uMncedisi Mbengo, sele ethathe amanyathelo ngakwezi zinja. “Sele sibulele izinja ezingodingani ezingamashumi amane, sikunye namapolisa, amagosa esebe lezolimo nabakwa Society for the Prevention of Cruelty to Animals (SPCA), ndingathi apha sikhangela into esingayaziyo kuba zininzi izinto ezithethwa ngabantu ngale meko, kodwa sisaqhuba nophando,” uthethe watsho uceba. Ingxelo kaceba ithi zizitalato eziquka iMzilikazi, Matshikiza, Mbusi, Mtatsi, Msengana kunye neMgola ezisengxakini zezi zinja. “Inqanaba elilandelayo sizakucela amagqirha, amaxhwele nabathandazeli ukuba bancedise ngendlela zabo, kodwa abahlali sele benalo ulwazi endingena kuludiza okwangoku,” utsho uceba. Abahlali bakrokrela ixhwele elithile lale ngingqi ukuba lifuna amalungu obudoda kootata kwaye lisebenzisa ezi zinja.

Othethe egameni lamapolisa aseKomani, uNamhla Mdleleni uthi ngenene amapolisa ayachaphazeleka kwinzame zokulwa nezizimanga zezinja. “Ewe amapolisa ayinxalenye yeenzame zokukhangela ukuba ngenene yintoni le iqhubeka apha, inye ingozi ebichaziwe emapoliseni ngalo mcimbi yile yokugqibela,” uthethe watsho uMdleleni. Likwakho inenekazi elakhe lalixhoba nalo lale ntlekele, uceba uyacacisa.

“Lo sisi wayevela emsebenzini naye emva kwentsimbi yeshumi elinanye ebusuku, uthi zazifuna ukumtya amabele wancedwa kuba wayekufutshane ekhayeni lakhe wabaleka esilwa nokulwa,” uthethe watsho uMbengo. UVuyo Spaire uthi utata wakhe ulixhoba lezizinja nangona engazange enzakale kakhulu. “Ubhubhe kule nyanga iphelileyo enamanxeba okulunywa zezi zinja, kodwa ke yena ebehleli engaphilanga kakade,” uthethe watsho uSpaire.