Lithe xhaxhe inani labo bathabatha inxaxheba kunyulo loomasipala

Linyukile inani labantu abazakuthatha inxaxheba kulonyulo loomasipala oluzakuqhutywa ngomhla wesithathu kwinyanga kaAgasti walo nyaka xa kuthekiswa neminye iminyaka.

Oku kudizwe yingqonyela yekomishoni ezimeleyo yonyulo uMosotho Moepya ngethuba ebesenza intetho yakhe malunga namalungiselelo onyulo.

Uthi, eli nani linyuke ngeshumi elinanye leepesenti ekhulwini xa kuthelekiswa nonyulo lomasipala lonyaka ka 2011.

“Ngabavoti abatsha abaphaya kwezigidi ezibini abathe bangenelela kuluhlu labavoti ukusukela oko bekuvulwe inyoba yokungeniswa kwabo baqalayo ukuvota,”utshilo uMoepya.

Ngamashumi amabini anesithandathu abantu boMzantsi Afrika abakungeleyo ukuthatha inxaxheba kolu lonyulo luzayo, itsho ingxelo.

Le ngxelo ihambisa ithi uninzi labo bazakuthatha inxaxheba kolu nyulo ngamakhosikazi xa bethelekiswa namadoda.

Ngamashumi amahlanu anesihlanu ekhulwini eepesenti amakhosikazi azakuthatha inxaxheba kulonyulo loomasipala, lo gama ingamashumi amane anesihlanu eepesenti ekhulwini kuphela abantu abangamadoda.

“Ngamashumi asixhenxe anesixhenxe abantu abaselungelweni lokuvota ababhalisele ukuvota kolu lonyulo sizakuba nalo,”utshilo uMoepya.

Iphondo laseRawutini lelona linamanani aphezulu abantu abazakuthatha inxaxheba kulonyulo loomasipala kuba linabantu abakwizigidi ezithandathu, kulandela iphondo lase KZN ngabantu abakwizigidi ezihlanu lo gama iMpuma Koloni ihleli kwindawo yesithathu ngabantu abakwizigidi ezithathu kuphela.

“Amashumi amane anesibhozo ekhulwini epesenti aba bavoti ngabantu abaminyaka ingaphantsi kwamashumi amane ngobudala,” ucacise watsho uMoepya.

Iphondo leNtshona Koloni lelona linamanani aphezulu abantu abaqala ukuvota abathe babhalisela ukuvota kulo nyaka.

“Ngamashumi amane anesibhozo eepesenti ekhulwini athe abhalisela ukuvota eNtshona Koloni, kwaye elo lelona nani liphezulu sinalo,”uhambise watsho uMoepya.

Imibutho eyahlukileyo kweli ijikeleze kwimbombo zone zelizwe isebenzela ukuba ifumane inkxaso yabantu ukuze iphumelele olu lonyulo.

siyabulela.mqikela@inl.co.za