Lithengwa ngokubonwa!

Ndihlala ndisithi icebo lomsi lisekothiweni komlilo. Uluntu luxakene namadoda esingawo kule mihla. Ayazuma, abetha amabhinqa ngokungenalusini, zizigwinta, azizo zonke nje izinto ezingendawo apha phandle. Amadoda anikwe ubukhosi phezu kwendalo yonke.

Ngaphezu koko anikwe umncedi ongumfazi nabantwana ukuba babe zizandla zawo (ngokwendalo ke).

Izandla ke zizo ezenza konke, ukutsho oko konke okunikwe indoda yiNdalo kokwabancedi bayo.

Le nkcaza ndinika yona iyafana nale ithi uMdali izinto zakhe zikuNyana weSintu. Indoda akukho nto iyeyayo ke ngoko, konke okusegameni layo kokwabancedi bayo (umkayo nabantwana).

Okuqhuba empilweni yethu kule mihla kwahluke mpela kunoku ndikuchazayo. Lowo umele ukukhusela axabise okukokwakhe nguye kanye ekufuneka egadiwe angakutshabalalisi.

Yimpambano ke leyo, ukuba endaweni yokugada ugadwe! Ing’awukazi (imazi yekati) enemikhuba ayinyali ukunya (ukuzala) iminqamfu (amantshontsho ekati) ze iphethuke iyidle leyo minqamfu. Ithi isakwenza amasikizi anjalo ke, ukudla iminqamfu yayo ikhala, ibulawe.

Kusendalweni yoMxhosa ukungabinako ukumelana namasikizi. Into eyenza amanyumnyezi iyashenxiswa nangaluphi na uhlobo.

Amadoda anamhlanje ke enza loo manyala eng’awukazi, abazale ‘abadle.’ Akaneli nje kukudla izizalo zawo, adla namabambo awo.

Ubani acaphule ubambo kuye alubeke elahleni aludle! Amanyala angazanga abonwa ezweni. Amadoda ayintanga yokufundwa ke xa enjalo.

Isizwe masizixakekise sikhangele okonakeleyo ezingqondweni zamadoda, kukhangelwe icebo eliwafaneleyo, ukuze kukwazeke ukuhlala nawo emhlabeni.

Kambe ke zikho izinto eziyincwadi etyhiliweyo kuwo apha. Isizwe, ingakumbi amabhinqa amele kuzixakekisa akhangele ukuba angathini na ukuhlalisana kakuhle namadoda kule meko iwafikeleyo. Nengonyama iyaqotywa ilulamele umlindi wayo!

Umzekelo, lulwazi lomntu wonke ukuba elendoda liphandlwa kukubona! Kude kwakho iqhalo elithi “ikhuba lithengwa ngokubonwa,” kuthathelwa kwimo yokwenyani yokuthenga ikhuba.

Ibingelo qhalo ke eli, ibiyinkcaza nje engenasibhidi nengena nto ifihliweyo kuyo.

Esi simo sibe liqhalo ngokwanda nokufika kweendlela ezintsha zokuphila, apho abantu bafune ubungqina bamehlo kuyo yonke into abayenzayo, belandela intetha yabo yamandulo ethi “indaba yotyelo ayikholi.”

Amabhinqa ke le mo yokuthengwa kwekhuba ngokubonwa ayijikele kwezawo iindlela zokuzizuzela amaqabane, ngokusuka kucace ukuba abantu bandile nto leyo yenze kwanzima ukufumana kweentombi amasoka, ukhuphiswano lwaphezulu.

Zaqalisa ke ngoku iintombi ukwenza izinto ezintsha zokuziqaqambisa ukuze zishiye ezinye. Akanyalanga ke nokuwabhentsela ngabomu, kuba esidodeni ‘lithengwa ngokubonwa.’

Nango ke nangoku loo madoda enganyali ukuya kubukela iinzwakazi ezinyuka iipali zihamba ngaze – afuna ukubona!

Nabathengisi ngesondo bayabonisa ukufumana abathengi. Indoda ayityhilelwa sithebe ingesosayo; amabhinqa makazimisele ukuyiqonda ke loo nto.

Akungoku ke amadoda engajingiselwa nqatha ze angalandeli. Amabhinqa ade anentetha yobuciko entsha ethi “ukufisha.”

Amadoda asindayo ke kulo mkhuba wokufishwa ngakwaziyo ukuzingxolisa; ngamadoda anomthetho.

Nanjengoko sele nditshilo ke ukuba indoda inikwe ubukhosi endalweni, inako ke ngoko ukuzingxolisa nokuba sele ibona inqatha elinqweneleka ngokuvuzisa izinkcwe.

Indalo kaloku iyamlulamela umlulamisi wayo. Angangoboya benja ke amadoda angalisebenzisiyo eli gunya lokuzingxolisa, iintswelaboya ezingena mthetho.

Ngenxa yeli bathu lingena mthetho ke, amabhinqa mawafake iingxeba ngambini ukuze akhumke la madoda. Amabhinqa abunikiwe ke kambe ubunganga bokuyifunda ayilawulele ekuthandeni kwawo indoda.

Makenze njalo ke ukufunda ezi ntswelamthetho! Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba.