Litshintsh’ uqoqosho ngomthungo igatyana laseGcuwa

Ukuthunga izinto zobuqheleqhele yinto eyayanyaniswa nabantu basetyhini abahlala ezidolophini okanye kwiindawo ezikude nasezilalini.

Kodwa yena uSimo Matomela welokishi yaseMsobomvu eGcuwa, nongumnini weshishini lokuthunga iBYD Clothing, ligatyana lomfana elagqiba ngokumilisela iinzipho kwishishini lokuthunga.

Kambe ebonakalisa ithemba kwanenkqubela, uvakalise ukuba akakakucingi ukuba antingele kwamanye amaphondo afana neGoli apho uluntu luye luthi kunamathuba amaninzi. Uthi elakhe iGoli uzakulenza kweli phondo lakhe iMpuma Koloni.

UMatomela wenze iminyaka yakhe emithathu kwizifundo zokuthunga kwiYunivesithi iWalter Sisulu eBika eGcuwa ukusuka ngonyaka ka2010 ukuya ku2013, emveni kokuphhumelela ibanga lakhe leshumi eMsobomvu High kwaseGcuwa.

Emva kokumphumelela kwakhe ibanga leshumi wakhe wathatha unyaka engafundi kuba esithi wayesafuna ukuthatha isigqibo esisiso sokuba uyakufuna kusini na ukulandela olu bizo lwakhe angazisoli sele ephakathi. UMatomela uyanaba esithi imicelimngeni kwaneengcinga zikanonzima zona zazikhona ngelo xesha uthe:

“Eyonanto yayindithingazisa sele ifuna ukundenza ndijike yayilusapho lwam nolaluxhalabe ngenxa yokuba lundikhathalele lundibuza imibuzo eyayisele indenza nam ndithandabuze ukuba ndikulungele na ukuba ngumthungi kwaye ndakugqiba lo mthungo uzokundisaphi na. Kodwa kuba ilubizo olu ndavele ndabanethemba kwaye ndazithemba nam.”

UMatomela uthi, namhlanje usapho lwakhe sele luzidla ngaye kwaye sele ingabanye babathengi bakhe. Uthi ukuba ngumthungi ongumfana akusenguwo umceli mngeni koko kukona kuvula amathuba kuba umntu uzofuna ukuvavanya isandla seempahla ezenziwa ngumfana.

Lo mfana emveni kokuthwala kwakhe isidanga kwezomthungo waye wayokuvavanywa kwenye yendawo ethungayo esedolophini eGcuwa eSinothando nawahlala ithuba elide, uthi kulapho waye wazibona khona ukuba angakwazi ukuba akhe azame ukuzimela azivavanye nanjengoko waye wafumana uqeqesho olumangalisayo.

Lo ngethuba eseseMsovbomvu High wayengumzobi wezikipha ekwazibhala kulapho athi italente yakhe wayibona khona. “Ukuqala kwam ukuzimela ndaqala ekhaya egaraji ukuphuma kwam eSinothando emveni kokuthatha isigqibo esasinzima soyokuzimela kwabe kungekho lula kuba kwakufuneka ndibenezixhobo zonke endizokuzisebenzisa, kwalapho kufuneke ndibenayo nendawo eyeyam ekuzokufuneka ndiyihlawule kwakuphela inyanga, ndicinga nokuba ndizakuzimela andizokuxhomekeka mntwini ngezixhobo ndizoxhomekeka kum. Ndisesegaraji nanamhlanje egojigoji yimithungo yam,” utshilo uMatomela.

Uthi, into eseleyo ngoku kukuba makaphume ngaphandle kule garaji ngenxa yokukhula kweshishini lakhe. Lo mfana uthi ngoku sele equle waligangatha sele esazi ukuba makavulephi kwaye avalephi kwishishini lakhe, kungoko enokwazi nokubaneyakhe indawo azakukwazi nokuyihlawulela xa kuphela inyanga.

Ngokokutsho kwakhe akazange aphazame ngokukhetha eli khondo zange athunywe mntu kungoko iikawusi zakhe ezonyusa umhla nezolo. Kodwa uthi ekuqaleni kwakhe wayesokola ukugcina imali njengoko ekufutshane nabahlobo kwakunye nekhaya, uthi wayengekaqheli umthwalo engekawuqheli ukuba uza kuye wonke.

Lo mthungi uthi, ukuya kwelinye iphondo akukabiyonto isengqondweni kwanakwizicwangciso zakhe, kuba esithi aba beli phondo xa ebashiya eyokwenza mhle abanye abantu bamaphondo, abase- Mnquma kwakunye nabephondo uzakubashiya nabanina. Uthi ufuna ukuziqaqambisa apho azalwa khona.

Ngoku uMatiwane ufuna ukutshintsha ikhasi azigqamise ngokwenza iimpahla zamadoda ezithungiweyo zefashoni, uthi ufuna amadoda aphuma kweli phondo agqame kwezefashoni, kodwa kananjalo nabasetyhini uyabenzela, kodwa ufuna ukwaziwa ngokugqamisa amadoda kuba esithi ayingobantu abayihoyileyo ifashoni ingakumbi nempahla ethungiweyo baphelela kwimibhaco kuphela xa befuna uthungisa.

Oyena mntu athi ujonge kuye uyamkhuthaza ngongu- makhwekhwetha kwezefashoni kwihlabathi jikelele uSonwabile Ndamase lowo wayesakuba yindumasi yokuthungela owasekuba ngumongameli weli uNelson Mandela iisheti ezinde ezazinxitywa nguMadiba.

Ukanti uMatomela ungomnye wabakwiqela elizakuthi lifumane uqeqesho phantsi kukaNdamase, elo qela ngabo banomdla wokubanekamva kumthungo bazakube bephuma e-Amathole bengama-150 bebonke.

Sele efumene imbasa yokuba yiMost Innovative Design uMatomela ngethuba wayengenele kukhuphiswano lwempahla zabo leVukani Fashion eGoli kunyaka ophelileyo neyayi- ququzelelwa nguSonwabile Ndamase apho bahlala iintsuku ezintlanu.

“Kuyinyweba ukusebenza nalo tata kuba naye waqala kancinci njengathi esakhula njengokuba sele ekule ndawo akuyo namhlanje sizakufunda lukhulu,” lowo nguMatomela.

abongile.ginya@inl.co.za