Lityala ukuxoka ngokugula yiCorona!

Isebe lezeMpilo kwiphondo leMpuma Koloni lithe lizakuthabatha amanyathelo omthetho ngenkosikazi exoke ngentsholongwane yeCorona kwisibhedlele saseGrey eQonce kwiveki ephelileyo.

Ingxelo ephuma kwisithethi sesebe lezeMpilo ephondweni uSizwe Kupelo ithi le nkosikazi idize ukuba ingumqeshwa wendoda yaseThekwini nebiyeyokuqala ukufunyaniswa inale ntsholongwane nebisuka kwilizwe laseIthali.

Le nkosikazi kuvakala ukuba yalile ukunikeza ngenkcukacha zayo kwane zendoda le yaseThekwini koomongikazi baseGrey.

UKupelo uthi isebe lenze uphando ngezibango zale nkosikazi kusapho lwayo nekubonakale ukuba libali elakhiweyo eli njengoko usapho luthe ayiphangeli inkosikazi.

Ingxelo ithi oogqirha kwakunye noomongikazi kwesi sibhedlele behle besonyuka bevavanya le nkosikazi.

“Oku kwenze oomongikazi noluntu baxhalaba ngale ntsholongwane. Oku kwenziwe yile nkosikazi ibe bubuntwana. Abantu abafuna ukuhoywa okanye ukuthathelwa ingqalelo mabadlale ngenye into hayi ngengxaki egubungele ihlabathi lonke,” utshilo uKupelo.

Isebe likwakhalimele nomyalezo oshicelelweyo ojikelezayo obubuxoki othi kukho indoda enalentsholongwane elaliswe eLife Beacon eMonti.

Le ntsholongwane sele ibulele abantu abangapha kwamawaka amane kumanye amazwe oku asiyonto yokudlalisa okanye yokuhlekisa.

UKupelo uthi ngokwengxelo yosapho lwale nkosikazi lidize ukuba ayingomntu unengxaki ngoku gula ngengqondo kungoko amapolisa azakungenelela.

Kwaye isebe likwahlabe ikhwelo lisithi makuphandwe nendoda le ibishicilele lomyalezo wokuba kukho indoda esele ingeniswe eLife BeaconBay.

Isebe lithi likulungele ukunyanga abo banokuthi bavavanywe bafunyanwe bechaphazelekile. Kweli phondo akukabikho zingxelo zale ntsholongwane.

Uluntu luyabongozwa ukuba luhlale luzikhusele kwaye luhlale luhlamba izandla ngesepha ngamaxesha onke lungabambani ngezandla kwaye lungancamisani.

Umphathiswa wesebe lezeMpilo kuzwelonke uZweli Mkize ngokuhlwa kwangoMvulo udize ukuba sisixhenxe esosulelekileyo eMzantsi Afrika bebathandathu eKwaZulu Natal wabe esemnye eRhawutini.

Umphathiswa weMfundo esisiseko kuzwelonke uAngie Motshekga ubongoze ukuba mazingasuke zivalwe izikolo ziinqununu mayibelisebe lezempilo elithatha eso sigqibo libazise kuqala.

Ukanti inqwelomoya yomkhosi intingele eTshayina phezolo nalapho isiya kulanda abemi boMzantsi Afrika abalikhulu elinamashumi amabini abavaleleke kwiphondo iWuhang apho esisifo siqale khona. Xa bebuya bayakugcinwa kwindawo yabo bodwa de kuqinisekiswe ukuba iimpawu zomkhorona azisekho kubo.