Lityala umfanekiso webele lomntu ngaphandle kwemvume

UNGAGWETYWA iminyaka engafikelela kwemithathu ejele okanye umdliwo (okanye zombini – umdliwo nesigwebo) xa inkundla ikufumanise unetyala lokuba nomfanekiso okanye umzobo webele lomntu ngaphandle kwemvume yakhe.

Oku kuqulathwe kumthetho omtsha osandula ukuphunyezwa wokunqanda ulwaphulomthetho olwenziwa ngokusetyenziswa kwekhompyutha okanye ifowuni kuquka neminye imingxili yokuhambisa imifanekiso, imiboniso kwakunye noshicilelo ngezixhobo zobuxhakaxhaka.

Lo mthetho ubizwa iCybercrimes Act 19 ka2020 kwaye uphunyezwe ngokusesikweni yiOfisi kaMongameli ngomhla wokuqala kule nyanga yeSilimela.

Urhulumente waseMzantsi Afrika uphumeze umthetho iCybercrimes Act 19 ka2020

NgokweCandelo 16 lalo mthetho (Section 16), ubani angajongana notshutshiso xa eveza esidlangalaleni umfanekiso webele lomntu obhinqileyo, welomntu oguquke ngokwesini (transgender) kwanelomntu ozelwe nezini ezinxaxhileyo (intersex).

Eli Candelo 16 lalo mthetho likwathi “nokuba akaziwa okanye uyaziwa (ngegama) lo mntu ovezwe kumboniso/kumfanekiso”, lowo usasaze lo mfanekiso/mboniso angajongana notshutshiso.

Kwakhona eli Candelo 16 lithi ubani angajongana notshutshiso xa enobonwa enomfanekiso okanye umboniso wamalungu angasese (nude) womnye umntu ngaphandle kwemvume yakhe.

ICandelo 14 lalo mthetho lithi ubani angajongana notshutshiso enokuhambisa umyalezo onelizwi okanye umboniso obeka emngciphekweni omnye umntu okanye abanye abantu angagwetywa iminyaka enokufikelela kwemithathu okanye umdliwo (okanye zombini – umdliwo nesigwebo) xa efunyenwe enetyala yinkundla yomthetho.

Lo mthetho ngokweCandelo 11 udiza ukuba ubani angagwetywa iminyaka enokufikelela kwishumi elinesihlanu okanye umdliwo (okanye zombini – umdliwo nesigwebo) xa enokufunyaniswa enetyala lokuba nePassword (iinkcukacha zokuvula) okanye ikhowudi yokuvula ifowuni okanye ikhompyutha yomntu ngaphandle kwemvume yalo mntu.

Ubani xa enomfanekiso okanye umboniso wakhe (webele, welungu langasese) awubone ukomnye umntu okanye abantu ngaphandle kwemvume yakhe, angabika oko kumagosa ezomthetho.