KAPA:
Yonyule isikhokelo sekomiti kazwelonke sethutyana inkokheli kwiqela elitsha lezopolitiko iGood – uPatricia de Lille.
Esi sikhokelo sibhengezwe ngeCawa umhla wamashumi amabini kule nyanga kwiziko leenqanawa iRoyal Yacht Club eKapa.
Kulindeleke ukuba esi sikhokelo sethutyana sithathe izigqibo de kudlule unyulo lukazwelonke oluza kubanjwa kwekaCanzibe kulo nyaka.
Eli qela liza kuthi linyule kwakho isikhokelo salo mbutho emva konyulo lukazwelonke.
Amalungu amathandathu esikhokelo esitsha salo mbutho sethutyana aquka usihlalo kazwelonke uNthabiseng Lephoko, unobhala ibe nguBrett Heron, unongxowa ibe nguMasego Kwenamera, umququzeleli kazwelonke ibe nguShaun August, ojongene nemigaqonkqubo yalo mbutho ibe nguMark Rountree, ze inkokheli yeli qela ibe nguPatricia de Lille.
Esi sikhokelo sisonke sinamalungu angamashumi amathathu anesithandathu naza kuthi agxile ingakumbi kowona mba ubalulekileyo wokukhokela eli qela ukuze lizuze impumelelo kunyulo likazwelonke.
“Umyalezo esiwuthumela kuwo onke amaqela ezopolitiko kumba wentswelangqesho makayeke ukuxokisa abavoti ngelithi baza kudala amathuba engqesho. Kudala baxoka isithuba seminyaka engamashumi amabini anesihlanu edlulileyo. Ukuthetha inyani linyuka mihla le izinga lentswelangqesho kweli loMzantsi Afrika. Indima karhulumente kukuthethana namacandelo abucala ukuba avelise amathuba engqesho. Singumbutho iGood sithi kubemi beli mabayeke ukuzimfamekisa ngemibutho yezopolitiko ebathembisa ngokuza namathuba engqesho,” utshilo Patricia De Lille inkokheli yeqela elitsha lezopolitiko iGood.
Ukuthethe oku ngethuba esithi thaca isikhokelo esitsha salo mbutho. Uthi nangona belixhasa iphulo leBBBEE kodwa abakubonileyo okwenzekayo kulo khange likwazi ukukhokelela ekudaleni amathuba amaninzi engqesho kodwa likwazile ukudala imisebenzi embalwa.
OkaDe Lille uthi into efunekayo kukumiliselwa kwakho kweBBBEE kungenjalo inikwe inkxaso engagungqiyo ukuze ikwazi ukuba negalelo elimandla ukuzama ukutshintsha imeko yezoqoqosho kweli.
Esitsho kananjalo ukuba iBBBEE ayinakukwazi ukutshintsha imeko yezoqoqosho iyodwa koko kufuneka kuzanywe nezinye iindlela ukuzama ukuphucula ezoqoqosho kweli kule minyaka mithathu izayo, kungenjalo eli lingazibona lisengxakini.
Wongeze ngelithi urhwaphilizo lubangela abatyalizimali babemadol’anzima ukusebenzisana neli lizwe ekutyaleni imali.
“Xa sithetha ngolwaphulomthetho bekufanele ukuba bonke abo babandakanyekayo bafakwe entolongweni bangagcinwa epalamente, ukuba singakwazi ukwenza njalo oko kuthetha ukuba ipalamete ingaphulukana nesiqingatha samalungu eNdlu yoWisomthetho kaZwelonke,” utshilo okaDe Lille.
Uthi ikomiti kazwelonke iza kujongana nalo mbutho kumaphondo wonke kweli loMzantsi Afrika, logama iphondo ngalinye limelwe ngabathunywa abathathu.
Ekwatsho kananjalo ukuba batyumbe isikhokelo samalungu alulutsha kwanabo banamava ukuze basebenze ngokuzinikela kulo mbutho.
Eli qela lasekwa kunyaka ophelileyo emva kokuba okaDe Lille wanikela umva umbutho weDA, nalapho wadiza ukuba usetyenzisiwe ze waxhatshazwa yiDA.
UDe Lille wayesakuba ngusodolophu kwiSixeko esiMbaxa saseKapa phantsi kombutho weDA.
iEFF imenywe kwimibhiyozo yeMK Party