Livuliwe kwakhona ithala leencwadi eGcuwa

Ekugqibeleni zide zabe kanti kuyaphela ukuxhalaba koluntu lommmandla waseGcuwa kwaneziphaluka ingakumbi abafundi besikolo samabanga aphakamileyo iButterwortth High, emveni kwembalelwano abathi bayibhala beyibhalela oonondaba becela ukusatyelelwa kurhulumente ekubeni liyakude livulwe nini na ithala le ncwadi elikula dolophu.

Eli thala livalwe ngoSeptemba ka2013, emva kokunqongophala kwamanzi nombane. Liphinde labe liyavulwa kule nyanga iphelileyo yolutsha emveni kweminyaka emibini livaliwe, kwaye nesebe lezobugcisa imidlalo kwakunye nenkcubeko kwano masipala woMnquma bebemane bebeka izithembiso ezingade zibe ziyafezeka ezithi lizakuvulwa elithala kungekudala lingade libe kanti liyavulwa.

Othethela elisebe * -Andile Nduna uthe:“Ibeyintsebenziswano yesebe kwakunye nomasipala wendawo. Emveni kwamagingxiginxi okuvalwa iminyaka emibini, sixolisa kangangoko kuluntu lwalammandla oluchaphazeleke ngethuba line minyaka lingasebenzi elithala.”

Lo kaNduna ukwathembisile ukuba akuzuphinde kwenzeke oku kwenzekileyo ivulwe ukuba ivuliwe ngoku uluntu lungangena luyokwenza iinkonzo abanqwenela ukuzenza ngaphakathi nebekukade kunzima ukuzenza.

Omnye wabafundi kwabo babekhalela ukungahoywa ngu rhulumente besithi bayasokola nokwenza imisebenzi yabo yesikolo ngu Chulumanco Damoyi oneshumi elinesithandathu leminyaka ubudala nongumfundi webanga lesithoba kwisikolo iButterworth High esedolophini eGcuwa.

Uvakalise ukuvuya nanjengoko esithi livulwe xa kanye kusondele ixesha lobunzima bemviwo zokuphela konyaka apho kufuneka umntu enyuse ikawusi nangakumbi.