Livulwe iinyanga ezimbini isiko lolwaluko

URHULUMENTE ekunye neenkosi zaseMpuma Koloni uvule isithuba seenyanga ezimbini, ukusukela ngoLwesihlanu, zokuqhutywa kwesiko lolwaluko, nalapho imigidi ithe yabekanti iyavunyelwa nayo kwesi sihlandlo.

Eli siko livulwe ukusukela ngoLwesihlanu (12 kweyeNkanga) ukuya ngomhla weshumi elinesibini kwinyanga yoMqungu 2022.

Imiqathango kukuba abazali baqinisekise ukuba amakhwenkwe ahlolwe impilo ze avavanyelwe iCovid-19 phambi kokuba athunyelwe esuthwini.

Usihlalo weKomiti eQuquzela uLwaluko ePhondweni, uNkosi Langa Mavuso, ukhuthaze abazali ukuba bayalele abantwana babo ukuba bagonyele iCovid-19 “ukuthintela ukubhubha nokugula okumandla”, kodwa watsho ukuba ugonyo ayisosinyanzelo – abantwana bangoluka nokuba abagonyanga.

UMavuso umemelele kubazali neenkosi ukuba ziqinisekise ukuba iyathotyelwa imiqathango yeCovid-19. “Ukungathotyelwa kwale mithetho kwakukhokelela ekuchithweni kwamabhoma,” utshilo uMavuso.

Ngexesha lasehlotyeni kunyaka ophelileyo nasebusika kulo nyaka, imigidi yayingavumelekanga kwisiko lolwaluko.