Lixakile isiko lolwaluko eMpuma Koloni!

Ingxelo yesebe elijongene neMicimbi yeMveli neNtsebenziswano kuRhulumento, ithi ngamakhulu amahlanu abakhwetha ababhubhe eMpuma Koloni kwisithuba seminyaka emihlanu.

Oku kuthetha ukuba ngonyaka ngamnye kule minyaka mihlanu kubhubha abakhwetha abalikhulu, logama belikhulu namashumi alithoba ananye abantu ababanjwe ngezi ziganeko kweli xesha lichaziweyo.

Ngamashumi asixhenxe anesihlanu kuphela amatyala avele enkundleni ngenxa yeziganeko zokubhubha kwabakhwetha.

Ukanti lishumi elinesine kuphela labatyholwa elithe labekwa ityala ngezityholo zokubhubha kwabakhwetha.

Oku kuvela emva kokuqinisekiswa kweengxelo zokuba ngabakhwetha abalishumi elinesixhenxe ababhubhileyo kweli phondo ukusukela oko kuqale eli xesha lolwaluko lasehlotyeni.

Othethe egameni leli Sebe, uMamkeli Ngam, uthi baxakene nento ngenene beli Sebe.

“Kuvela iingxaki ezintsha yonke imihla, abazali abayikhathalele inkqubo yokuhlolwa kwabantwana, okanye bavumela ukuba abantwana banike ingxelo engeyiyo. Ukanti zikho neziganeko zoogqirha abatyikitya iingxelo ezingaqinisekiswanga, ininzi nje ingxaki esidibana nayo,” uthethe watsho uNgam.

Kukwakho iingxelo zokuba abanye abakhwetha bangena esuthwini besekwinkqubo yokulwa neziyobisi.

“Abanye bangena esuthwini besekwinkqubo yokucoca iziyobisi emizimbeni, iinkqubo zasebakhwetheni zenze ukuba bazibone bekwimeko engentlanga konke,” utsho uNgam.

UMkomishinala wamaPolisa oMzantsi Afrika eMpuma Koloni, uLiziwe Ntshinga, uthi amapolisa akhe ahlala elindele ingxaki ubusuku nemini ngenxa yale ngxaki.

Owayesakuba nguSihlalo weNdlu yeeNkosi eMpuma Koloni, uNkosi Ngangomhlaba Mathanzima, uthi kufuneka inguqu ecacileyo kweli siko.

“Ndifumene isimemo kuMphathiswa uXolile Nqatha esithi kuza kubakho intlanganiso engxamisekileyo, ndinqwenela ukuvakalisa izimvo eziza kwenza ukuba ndingathandwa ngabanye, kodwa kufuneka inguqu enkulu,” uthethe oko uMathanzima.

ENgqamakhwe kubhubhe ikhankatha nomkhwetha emva kokutsha kwebhoma, baza babalekiselwa kwizibhedlele ezahlukeneyo, babhubhela apho bobabini.

Ngamakhwenkwe alishumi elinesithathu ahlangulwe ngamagosa karhulumente eMbizana, logama engamashumi amathathu anesine ahlangulwe kwiphondo ngokubanzi.

Le ngxelo ithi ngabakhwetha ababini ababhubhe kuMasipala wesithili iAmathole, aze abe mnye eJoe Gqabi naseSarah Baartman, logama bebane eChris Hani. Othethela amapolisa aseKomani uNamhla Mdleleni uthi:

“Mnye eLinge, abathathu ngabaseGlen Grey, ziphelele apho ezam iinkcukacha,” kutsho uMdleleni.

Kule minyaka mihlanu ichaziweyo, uMasipala wesithili saseOR Tambo usoloko ehamba phambili.

UMphathiswa weli Sebe, uXolile Nqatha, uthi umthetho ojongene nolwaluko kweli phondo mawuqwalaselwe kwakho.

Abahlali abaneengxaki ezidibanisele nolwaluko bangatsalela umnxeba kwezi nombolo zilandelayo, 040 608 7404 okanye 082 302 7760.