Lixesha likaWayidlokova, imali yisebenzise ngobunono

Mvanje kuthi kungekakhali neentsimbi zabelungu kusasa, i-alarm gabula makhumsha, uvuswe yimitha yelanga egqobhozela ngapha kwemikhusane oku ingathi ungunkqiyoyo ephekwa esophulwa sisifudumezi-kutya.

Ithi ke lo nto ihlobo lingenile kunye neengxaki zalo. Ndiyacinga ukuba eyona nto esenza sibenovalo ngeli xesha lonyaka kukuzibuza ukuba ingaba sizilungiselele ngokupheleleyo na kula nyanga abashumayeli bathi yinyanga kaWayidlokova, uDisemba.

Ingaba oovimba bethu bayilungele na inkcitho ehamba neli xesha lonyaka, okanye sithembele kwiibhonasi kwakunye nemigalelo ethile?

Into endiyiqwalaselayo njengokuba iminyaka iye ihamba nje kukuba izinga lokupoca nokudyakraza imali ngendlela engathethekiyo ngoDisemba liyehla.

Usuke ungayazi nokuba kukhule ukuvimba ebantwini kusini na okanye nyani liyinene eli lithethwa ngabezoqoqosho ukuba imeko imaxongo elizweni?

Xa lonke uluntu lubopha ibhanti kule mihla, ithi lo nto kufanelekile ukuba sicingelane omnye nomnye kulo Disemba.

Masikhe siqale ngale genge ithanda ukusa abantwana bayokutyela ikhefu leKrismesi kweminye imizi.

Nokuba abantwana bakho ubasa kwisizalwana sakho sokuqala nokugqibela, kubalulekile ukuba noko uyithumelise inketshenketshana yemali yokutya ukuncedisana nemeko yelo khaya khona ukuze umntwana wakho angangcungcuthekiswa kuba kusithiwa utya kakhulu kunabanye.

Mhlawumbi isihlobo sakho singayala le nto ngenxa yeentloni, mnike wena nokuba uyithiye ngelinye igama wathi yimali ka enkosi ngokukujongela usana okanye iintsana zakho.

Abanye ke abantu abandenzela ixhala ngeli xesha lonyaka ngaba bafana nam abangafumani mibulelo efana neebhonasi kubaqeshi babo.

Thina ke siyathanda ukuba yingxaki ngokuba sizibona sesibelekwa yile genge ivela eRhawutini, ufike sihleka ngaphezu komlinganiselo kwiziqhulo zabo kuba kaloku ingabo abavusayo.

Eyam imfundiso xa ungenamali ithi, hlala endlwini ungayi ndawo, utye imiphothulo nemicabosi yakowenu, othe wazokulanda apho mcacisele lubala ukuba akunamali, ukuba usakufuna ukuhamba nawe makayazi uzakuba ngubhaka wakhe.

Imasikizi into esiyibona apha ngoDisemba, ufike umntu emhle apha esiqwini kodwa itafile ahleli kuyo ilambatha kuba akanamali yokuthenga ooni nooni kuloo ndawo.

Kamnandi ke uDisemba lo akafiki ngesiquphe okanye njengesela engalindelwanga. Ufika ngexesha elinye rhoqo minyaka le, ithi lo nto umntu oqiqayo nolwaziyo uxinezelelo lwela xesha, utya ebeka apha enyakeni.

Akukho nto imnandi ingathi kukunqwamza ityhosha obuyibeka ecaleni ubekela ixesha leholide yehlobo, lo nto ikwenza athi efika uNkathazo gxebe uJanyuwari, ube usenawo umnconwana woo-back to school neyokuboleka le genge iyidyakrazileyo imali yayo ngoDisemba.

Xa uzazi ke ukuba ungutiki ayivani nepokotho ubokhe ungene phaya kweza zinto kuthiwa yimigalelo okanye amafela.

Uyabona phaya umntu uleqwa ngasemva khona ukuze arhume nyanga nenyanga, kuthi kuphela unyaka ube noko unemalana entlana emane incumeza esandleni.

Kubo bonke ke ubumbeje-mbe bezici eziza kuthi zibekhona ngezi holide zehlobo, uze uzame ungayityi imali oku ingathi uyilima egadini.

Oku kukadyakalashe, mane usiya emnyango ukhangele ukuba usakwazi ukuphumela njengokuba uxakeke zizityo nje.

Hlaba ukhangele mhlobam imali yisebenzise ngobunono.