Lixhaxhwe labhubha ixhegwazana

Lixhaxwe labhubha ngokumasikizi ixhegwazana elinamashumi asixhenxe anesixhenxe ubudala eligama linguNongqongile Sololo obhubhe ngethuba elele yedwa kumzi wakhe kwilali yaseRwantsini kwisithili sakuCentane.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa alammandla uKapteni Jackson Manatha ithi, uSololo ugetyengwe ngethuba eyedwa emzini wakhe ezinzulwini zobusuku bangoLwesithathu egetyewenga ngumfana onamashumi amabini anesithandathu ubudala.

“USololo ubhaqwe ngentseni yosuku olulandelayo sele enamanxeba okuhlatywa kumzimba wakhe ongentla. Owona nobangela wokubulawa kwakhe uSololoawukaziwaokwangoku,” uthilo uManatha.

Inkumanda yesikhululo samapolisa aseGcuwa uBrigadier Trevor Mey uvakalise umothuko esithi kwakhona kubulelwe umntu omdala ongakwazi ukuzilelwa.

UMey ubethe ngenqindi phantsi efunga ngelithi bonke abo babandakanyeka kwiziganeko zokubulala abantu abadala nabantwana bazakudibana nengalo yomthetho ngokumayelana nezenzo zabo zobubi.

Ngokophando lwamapolisa umrhanelwa uye wabanjwa ngoLwesihlanu kwiveki epheileyo kwaye ulindeleke ukuba avele phambi kwenkundla yakuCentane kungekudala.

-Abongile Ginya