Liyakhula inani lamakhosikazi kweli kwezobunjineli

LIZAKUBA ngumcimbi ophambili inani elikhulayo lamakhosikazi kwezobunjineli kweli loMzantsi Afrika, nakwizwekazi leAfrika, kumsitho wokunika imbeko kwezobunjineli, iAfrica Engineering Week ebanjelwe kwiYunivesithi yaseNelson Mandela Metropolitan eBhayi.

Noxa kunjalo kukho inkxalabo kwiinjineli ngokwehla komdla wolutsha kwizifundo zobunjineli kweli, nakwihlabathi jikelele. Izwekazi leAfrika lelona libethakala kakhulu ngenxa
yalemeko, nanjengoko lingakwazi kuphuhlisa iziseko zentlalo ngaphandle
kweenjineli.

 Eli phulo
lijoliswe ekukhuthazeni ulutsha noluntu ngokubanzi logama likwafundisa ngomsebenzi
nezifundo zobunjineli eluntwini. Isebe lenzuluwazi nobuchwephese eMzantsi
Afrika libambisene neEngineering Council of South Africa kunye neyunivesithi iNMMU.

Igqiza eliphuma kwiUNESCO likhokelwe
nguGqirha Osman Benchikh ekunye nenqununu ebambeleyo kulayunivesithi uGqirha Sibongile
Muthwa, logama isebe lenzululwazi nobuchwephese likhokelwe nguGqirha Phil
Mjwara. Kulindeleke ukuba bonke benze intetho kulomsitho. 

Ingxoxo
ekhangela izisombulula izakuqala ngoLwesithathu ukuya kuLwesine waleveki eNMMU.