Ukuqhuba isigadla bekukade kubonwa njengomsebenzi ofanele amadoda kuphela, kodwa izinto zijikile kuba liyakhula inani lamanina aqhuba izigadla.
Kule nyanga yamanina kumele ukuba singawashiyi ngasemva amanina aqhuba izigadla kuba ngenene benza umsebenzi okhethekileyo.
Ingxelo ithi ngamanina aqikelelwa kwisihlanu ukuya kwisixhenxe seepesenti ekhulwini aqhuba izigadla kwihlabathi.
Kumazwe aquka iMelika sele kukho iinkcukacha ezigciniweyo malunga namagama nolwazi lwamanina aqhuba izigadla kwela lizwe.
Kweli loMzantsi Afrika azikafumaneki ndawo iinkcukacha nolwazi olugciniweyo oluthetha ngamanina aqhuba izigadla.
IMelika, Australia, Indiya neNorway ngamanye wamazwe anamanani aphezulu wamanina ajijisana nezigadla ezindleleni. Bakwipesenti enye kuphela ekhulwini inani lamanina aqhuba izigadla kwilizwe laseIndiya.
lizwe laseIndiya linenkqubo ezizodwa ezijoliswe ukukhulisa inani lamanina aqhuba izigadla. Iinkampani zeli ziyaqhubeka ukunika amanina ithuba lokuba aqhube izigadla ukuze akwazi ukondla iintsapho zawo.
Iingxaki eziphambili adibana nazo amanina kulo msebenzi yimicimbi yokhuseleko, nokujongelwa phantsi kuba bengabantu basetyhini. Ukungabikho kweendawo zokuphumla okanye ukuzinceda ecaleni kwendlela yeyona ngxaki ephambili alwa nayo amanina aqhuba izigadla.
Ukungena kwamanina kolu hlobo lomsebenzi kwenza ukuba kubekho utshintsho kulo msebenzi. Indlela entsha yokwenziwa kwezinto yenye yeendlela eziphambili ezibangela inguqu kwabo baqhuba izigadla kwihlabathi.
Oku kuthetha ukuba ihlabathi elizayo lakubona inani eliphezulu lamanina aqhuba izigadla. Ukanti amanina aqalile kweli ukuqhuba noololiwe ukusukela emva konyaka ka1994.
Yintoni uMthetho oYilwayo weBELA?