Liyakhula inani loozimelegeqe kweli lizwe

“Abantu boMzantsi Afrika bakruqukile yindlela ebaqhuba ngayo imibutho yezopolitiko, kungoko bezakuxhasa abagqatswa abazimeleyo kulonyulo loomasipala oluzayo”.

Oku kuthethwe ngusihlalo wombutho wabahlali abazimeleyo iIndependent Ratepayers Association of South Africa * -Izak Berg.

Oku kuvela emva kokuba likhula inani labantu abangenela ulonyulo bengoozimele-geqe kulonyulo oluzayo.

“Sisebenza nzima sisebenzela ukuba abantu beli lizwe bohlukane nokuvotela imibutho yezopolitiko, koko bavotele abantu ukuze bakhokele iinkqubo zophuhliso kwiindawo abahlala kuzo,” uchaze oko uBerg.

Uthi impumelelo kwimicimbi yentlalo ixhomekeke kwiziqu ezizinikeleyo, hayi imibutho engathembakalanga.

“EMpuma Koloni sinenkxaso entle kwidolophu yaseKomani, kodwa asinaxhala kuba amanani abantu abaxhasa umbono wethu ayakhula yonke imihla,” utshilo uBerg.

Uhambisa athi ukukhokela kwezopolitiko kumele ukuba kusekelezelwe ekuguquleni impilo yabantu ngokugqithisa inkonzo ebantwini.

“Le nkqubo yokuba nooceba abazimeleyo izakunceda ukuba sikwazi ukulwa neengxaki zobuqhophololo nokutyiwa kwemali karhulumente kuba sithetha ngomntu omnye apha,” uhambise watsho uBerg.

Unobhala weANC kwisithili saseAmathole uTeris Ntutu uyakungqina ukuba baninzi abantu abaphuma kumbutho wakhe abathe bafungela ukuba ngoozimele geqe.

“Ewe sinabo apha eAmathole abantu abazimeleyo bephuma apha embuthweni, baninzi kakhulu, kodwa uphando langaphakathi luyaqhuba,” utshilo uNtutu.

Omnye wabagqatswa abazimeleyo kulonyulo oluzayo loomasipala uPinky Tsako uthi unemali yokwenza wonke umsebenzi wokuzilungiselela.

“Sifumana imali yenkxaso yokuba ngoozimele-geqe kwiinkampani zabucala kuba zikholelwa ukuba senza into esemthethweni,”utsho uBerg.

Lo ka Berg uthi yimalana engephi abathi bayifumane kwinkampani zabucala ukuze balungiselele inkqubo ezinje ngezi.

“Imali esiyiphiwa zezi nkampani iphaya kumashumi amahlanu amawaka eerandi, ayikho ngaphezulu koko kwaye siyisebenzisa ngempumelelo,” utsho.

Uthi eLimpopo, Mpumalanga, Freyistata, Mntla Koloni naseRhawutini kulapho banethemba lokufumana iiwadi eziliqela.

“IMpuma Koloni nase- Ntshona Koloni kulapho inkxaso yethu ihamba kancinci khona, kodwa asityhafanga siyazama ukungena ebantwini sizichaza ukuba singoobani,” ucacise watsho uBerg.