Inani labantu abaneMpox (Monkeypox) kweli linyuke laya kutsho kwisixhenxe (7). Oku kusemva kokuba indoda eneminyaka engamashumi amathathu anesibhozo (38) ubudala yaseKapa, eNtshona Koloni, ifunyenwe inesi sifo.
Isebe lezempilo kuzwelonke likhuphe ingxelo malunga nokuqhambuka kweMpox, ngokokutsho kwesithethi seli sebe uFoster Mohale, le ndoda yaseKapa yangeniswa esibhedlele kwinyanga ephelileyo ngomhla wamashumi amabini anesibhozo (28) kuCanzibe 2024 kwiziko lezempilo labucala eKapa. Uye wafunyaniswa ukuba uneMpox ngoLwesine, umhla weshumi elinesithathu (13) kweyeSilimela 2024.
Isebe lithi liqaphele ukuba bonke abantu abosulelwe sesi sifo baphila nezigulo ezingapheliyo ezifana neHIV.
“Oku kuthetha ukuba kunokwenzeka ukuba amajoni omzimba abuthathaka ngaphandle kokuba umntu ulandela unyango olumiselweyo.
“Ukutya iipilisi rhoqo kunokuthintela iingxaki zempilo ezintsha okanye eziya zisiba maxongo, kwaye ukusilela ukuthatha iipilisi zakho kunokuchaphazela kakubi umgangatho wobomi bakho,” utshilo uMohale.
Ukwadize ukuba isebe licwangciselwe ukufumana amayeza eMpox ekuchazwa ukuba ayasebenza ukunqanda izigulo kunye nokufa okuyanyaniswa neMpox.
“Isebe lisebenzisana nabanye abachaphazelekayo lizakuqhuba ngokucupha, ukukhangelwa kosuleleko kunye nokufundisa ngezempilo kwilizwe liphela ukuze kubonwe umthwalo wesi sifo kunye nokuxhobisa abemi ngolwazi ukuze benze izigqibo zempilo benolwazi,” uqukumbele watsho uMohale.
Babini abantu ababhubhileyo ngenxa yesi sifo seMpox, owokuqala (37) obhubhileyo ngowasephondo laseGauteng obhubhe ngoMvulo, umhla weshumi (10) kweyeSilimela 2024, owesibini (38) ngowaKwaZulu-Natal obhubhe ngoLwesithathu, umhla weshumi elinesibini (12) kweyeSilimela 2024. Ukuza kuthi ga ngoku bonke abantu abosulelwe sesi sifo ngamadoda.
Ezinye zeempawu ezixhaphakileyo zeMpox ziquka irhashalala enokuhlala iiveki ezimbini ukuya kwiiveki ezine, umkhuhlane, intloko ebuhlungu, izihlunu ezibuhlungu, umqolo obuhlungu, ukudinwa kunye nokudumba kwamadlala (lymph nodes).
Kuthiwa le rhashalala ebuhlungu ibonakala njengamadyunguza okanye izilonda esikhumbeni, kwaye inokuchaphazela ubuso, iintendelezo zezandla, iintende zeenyawo, amathanga, amalungu angasese okanye ezimpundu.
Abafundi bematriki ka2024 benze imbali!