Liyanda inani labantu abaneMpox eMzantsi Afrika – 25

Isebe lezempilo liqinisekise ukuba kukho umntu ofunyenwe eneMpox, nto leyo ibangele ukuba inani labantu abasuleleke sesi sifo eMzantsi Afrika lifikelele kuma25 ngoMvulo. Kwabangama25, abathathu babhubhile, abali19 baye balulama kwaye bathathu abantu abazivalele bucala ekhaya ngeenjongo zokungasasazi esi sifo.

Umntu wamva nje ofunyenwe enesi sifo yindoda eneminyaka engama38 ubudala yaseKapa ebonakalise iimpawu zeMpox, eziquka intloko, izilonda zeMpox ebusweni, umqala obuhlungu, kunye neentlungu zesihlunu.

Isithethi seli sebe, uFoster Mohale, uthi le ndoda ayinambali yakutsha nje yokukhenketha kwelinye ilizwe okanye idibane nomntu orhanelwa okanye oqinisekisiweyo ukuba uneMpox.

“Le ndoda iye kwiziko lonyango labucala eKapa ukuze ifumane uncedo lonyango. Akazange alaliswe kodwa waxelelwa ukuba azivalele bucala ekhaya ngelixa elinde iziphumo zovavanyo. Iziphumo zabuya zisithi uneMpox ngoLwesihlanu we6 kweyoMsintsi 2024.

“Iqela elijongene noqhambuko kwiphondo (eNtshona Koloni) liyasebenza, likhangela kwaye libeka iliso kwizinto eziqhubekayo. Oku konyusa inani labantu abosulelekileyo kweli ukusukela oko kwaqhambuka esi sifo ngoCanzibe kulo nyaka ukuya kutsho kwiziganeko ezingama25 eziquka ukubhubha kwabantu abathathu,” utshilo uMohale.

Ngokweengxelo zabantu abosulelekileyo eMzantsi Afrika, ishumi elinesibini (12) kwaba bantu baphuma eGauteng, abalishumi elinanye (11) KwaZulu-Natal, ngoku ababini kubo basuka eNtshona Koloni.

IMpuma Koloni lelinye lamaphondo amathandathu angenabo abantu abaneMpox.

Kwinyanga ephelileyo, uMbutho wezeMpilo weHlabathi (WHO) ubhengeze iMpox njengengxakeko yezempilo yoluntu eyinkxalabo yehlabathi, kwaye amaZiko eAfrika oLawulo lweSifo noThintelo (Africa CDC) yabhengeza ukuba yimeko kaxakeka yezempilo yoluntu efuna inyathelo elikhawulezileyo kwilizwekazi iAfrika.

I-WHO kunye neAfrica CDC iphehlelele isicwangciso sokuphendula nokuxhasa iinzame zamazwe aseAfrika zokunqanda ukusasazeka kwesi sifo, ukusindisa nokukhusela ubomi babantu.

Uqikelelo lohlahlo lwabiwo-mali lulonke lwesi sicwangciso seenyanga ezintandathu, ukusuka kule nyanga yoMsintsi ka2024 ukuya kweyoMdumba ka2025, sisondele kumakhulu amathandathu ezigidi zeedola ($600 million).