Liyangcwatywa igqala letitshalakazi

Lizakungcwatywa eMthatha ngomso igqala letishalakazi yeli leMpuma Koloni uNobubele Mbekela owayedume ngokufundisa izifundo zezempilo eRadio Transkei. 

Ilizwi lakhe elihambelana nonomathotholo lalisenza ukuba uMbekela abe sisithandwa kwabo babengabafundi ngelo xesha.

UMbekela ufunde amabanga aphakamileyo eBuntingville eNgqeleni, waza wayakufunda eSt Johns eMthatha phambi kokuba aye kufunda kwaNokheleji. Intombi yakhe uOlwethu Masanabo uthi ngumakhwekhwetha ngenene unina kwezemfundo. 

“Andizazi ezinye iindawo afundise kuzo, kodwa ufundise eZibi Meyer eMount Fletcher, waya eQwenze eDutywa naseNgangelizwe eMthatha, ube yithanda kakhulu imfundo umama,” ucacise watsho uMasanabo. 

Kwinkqubo ezazinomtsalane kwiRadio Transkei, inkqubo yakhe yabafundi bebanga leshumi yayiyenye eyayingentsimbi yesibhozo ebusuku yayidumile.

Owayesakuba yinkokheli yomkhosi waseTranskei, uGeneral Bantu Holomisa, uyangqina ukuba uyayazi le nkcakuba yetitshalakazi. 

“Ndilikhumbula kakuhle ixesha lakhe lokutsala abafundi, andazi nje ukuba wayefundisa ntoni, kodwa wayengusaziwayo ngexesha lakhe kwezemfundo eTranskei,” uthethe watsho uHolomisa. 

UJaji Dumisa Ntsebeza naye uyawungqina umsebenzi wale nkosikazi ezibalule ngokondla isizwe ngolwazi. ”Kudala egula umama, ebesele ebethwa nakukuguga ke ngoku, kuba noko ibisele indala intombi noko,”utshilo. Ubunganga belizwi lakhe elikhulu belibangela intsini logama likwaxhobisa ngolwazi kwabo bebencanca kulo mbele wakhe.

 UGqirha uNokuzola Mndende uthi ulifumene naye ithuba lokuncanca kweli gqala letitshalakazi.  “Ndifikele kuye eNgangelizwe ndiqala ukusebenza njengetitshalakazi, sohlukane ngokuba ahambe athathwe lisebe lemfundo eTranskei, umntu obechubeke ngokukodwa emsebenzi wakhe,” utsho uMndende.

Uzakungcwatyelwa eMthatha ngomso umhla wesithoba kule nyanga yoMnga, mphumzeni udiniwe!