Liyangcwatywa ipolisa elibulewe ngoonqevu

 

Ipolisa laseChafutweni kuGatyana elidutyulwe labhubha ngoonqevu, eDutywa kuMvulo weveki ephelileyo, lishiya abazali balo nabantwana balo ababini.

UNyameko Mbelani (38), yinkonzo yakhe yomngcwabo kowabo ngoMgqibelo kwilali yaseNtshingeni eChafutweni. Udutyulwe kungquzulwano obe luphakathi kwamapolisa kwakunye noonqevu edolophini eDutywa olwenzeke ekuzeni kusa ngoMvulo kwiveki ephelileyo. UMbelani uye wabhubhela kwisibhedlele esikufutshane emva kokuba waye wabalekiselwa khona ukufumana uncedo kumanxeba eembumbulu okudutyulwa ngoonqevu kumzimba ongentla.

Olu ngquzulwano lulandela emva kokuba amapolisa aseDutywa athi afumana umnxeba ngezithuba zentsimbi yesibini ekuzeni kusa, mnxeba lowo othi kuqhekezwa ivenkile ethile edolophini eDutywa. Ingxelo ephuma kuBrigadiya Tembinkosi Kinana, ithi amapolisa athe eqala ukufika kwigaraji ethile eDutywa akhawulelwa yinqwaba yeembumbulu bedutyulwa ngabarhanelwa abo, nekulapho uMbelani aye wadutyulwa kumzimba ongentla wafumana amanxeba anzulu. Iindaba zokubhubha kukaMbelani zingene ngoLwesibini kusasa umhla wokuqala kule inyanga.

Kubulewe ipolisa eDutywa

UMbelani ubesebenza kwisikhululo samapolisa saseDutywa kwaye sele enexesha elide esebenza njengepolisa kuba ebesele eneminyaka elishumi elinesihlanu, waqala ngo2006.

Eli qhawe libhubhele emfazweni, lizalelwa eChafutweni kuGatyane. Ngasemva ushiya unkosikazi wakhe kwakunye nabantwana bakhe.

UMkomishinala wePhondo uNjengele Lt Liziwe Ntshinga udlulise amazwi okubopha usapho, izalamane kwakunye noogxa bakaMbelani. Uthi zibashiye bephazamisekile ezi ndaba zibuhlungu.

“Iindaba ezibuhlungu zokushiywa lelinye lelungu lethu zisothusile futhi zisiphazamisile. Nangona kunjalo abathandathu (6) abarhanelwa kwabasibhozo sele bebanjiwe, bebanjwa kuTsolo. Kwaye aba barhanelwa baza kubhatala ngesenzo esibi abasenzileyo sokuthabatha umphefumlo ongenatyala.

Amapolisa abongoza intsebenziswano eluntwini. Lowo unokuthi abe nolwazi malunga nabarhanelwa ababini abashiyeke bengekabanjwa eze ngaphambili. Kungenjalo atsalele isikhululo samapolisa aseDutywa, kuTsolo okanye batsalele ku086 00 10 111.