Liyaqhuba ityala lokubulawa kuka Aviwe Jam Jam

U-Aviwe Jam Jam

Kapa: Izakubuyela kwinkundla kamantyi eAthlone ngomhla wesithathu kwinyanga ezayo (eyeDwarha) indoda ejamelene nesityholo sokubulala uAviwe Jam Jam. 

ULinda Ntula (25) uvele enkundleni, apho atyholwa naye uLeroy Morrison, kulandela ukubulawa kuka Aviwe ekuzeni kuphela kwenyanga yeKhala ze umzimba wakhe wafunyanwa kufutshane nebala lezemidlalo laseAthlone. 

UNtula wabanjwa, kwisithuba senyanga ufunyenwe umzimba kaAviwe, ngezityholo zokuzama ukubulala indoda etshate nomama wakhe, nokonakalisa ikhaya lakhe ngeenjongo. Ityala lokuzama ukubulala limiselwe umhla wamashumi amabini anesixhenxe kule nyanga ngenxa yokuba igqwetha lommangalelwa, uDavid Mbazwana, engafikanga ngexesha enkundleni. 

Ukungafiki kwel gqwetha kubangele umsindo kumalungu osapho, naphume embombozela enkundleni esithi ayikho le nto ayenzileyo uMbazwana.

Ethetha noonondaba uMbazwana uthe ulibazisekile kwelatyala izolo kuba ebenezinye izinto ekufuneka ezenzile, ukwagxeke icandelo lotshutshiso ngokumfihlela ulwazi aludingayo ngeli tyala.

Nangona kunjalo ukugqibela ukuvela kukaNtula eKhayelitsha uMbazwana wanyanzelisa ukuba isicelo sebheyile siqalwe phambi kokuba ayokuvela kwinkundla yaseAthlone.

Ukanti uMike Mguga, othethela usapho, uthe “silusapho lukaAviwe siyavuya yindlela eliqhuba ngayo ityala lokubulawa kwakhe enkundleni. Sisaphatheke kakubi kakhulu kukubhubha kwakhe, ingakumbi unyana wakhe oneminyaka emibini ubudala!”

Ukanti usapho luya eMpuma Koloni, apho kuzakutyhilwa ilitye likaAviwe eDimbaza.