…liyaqhubeka, liqale kwele veki ephelileyo

Phesheya kweWhite Kei/Gando River kulapho amiswa khona amaXhosa, kodwa akaxola nangoko uRhulumente kaJC Warner, kwazokugqwesa uSir Bartle Frere umKomishina, ngokubhukuqa uKreli/Sarhili noJantjie wabaThembu bakaXhosa, wagqiba okokuba ilizwe labaThembu bakaXhosa malimiwe ngabamhlophe.

Uninzi lwamaTshawe anyanzeleka ukuba alifulathele eloyisemkhulu nezo ntlanti namangcwaba abo. Phesheya kweWhite Kei River/Gando River kulapho kwakuzinze khona umzi wakwaGando umelene nomzi kaGcaleka kwaGcaleka, ngaphaya ingamaKwayi kaPhazima kaGando/amaTshawe andizukunaba kule ndawo ndakubuya ngayo.

UCharles Griffiths, owayeyiColonel yeCape Frontier Police ngexesha le (9th Frontier war of 1877 – 1878), wawela iWhite Kei River/Gando River nomkhosi wamavolontiya ukukhusela amaMfengu, kwanoncedo lwabaThembu bakaNgangelizwe namaMfengu ukududula amaGcaleka/amaXhosa bewadudula kuba befuna ukuma kulo mhlaba nabaxhasi babo, bebadudulela ngaphaya komlambo uMbashe ngeyoMsintsi 1877), amaGcaleka/amaXhosa oxuthwa izixhobo, basala besesichengeni, kwatsho kwakho iQueenstown/ IKomani, Glen Grey/ Lady Frere gxebe iCacadu njalo-njalo.

Emva kokukhothama kukaKumkani uZiko Gando unyana kaNgconde ekunene owayegcine le ndlu kaThembu kaNgcwangu, urhulumente wobandlululo nendlu kaNgubengcuka uDlomo, bawoxutha gqibelele olo hlobo umhlaba olilifa lesi sizukulwana.

According to Cape Parliamentary Records and The Union of South Africa and Apartheid history, “the Thembu leaders demanded, among other things, 4 magistracies with equal access to the Cape’s current system of non-racial franchise, and military protection from both the British and their Gcaleka enemies. Cape Prime Minister John Molteno agreed to these terms and signed them into law with the Tembuland Annexation Act (1876), creating the magisterial districts of Xalanga, St. Marks, Elliot and Engcobo. In 1894, the Glen Gray Act constituted the Thembu chiefs as leaders of “District Councils”, thereby establishing a system of proxy rulers Later, in the lead up to the Union of South Africa and the beginning of Apartheid, the franchise and property rights of the Thembu were gradually revoked, and what rights remained were applied only in their original homeland. Later still, under apartheid, the Transkei was turned into a Bantustan. In the ethnic theory underpinning apartheid, the Transkei was regarded as the “homeland” of the Xhosa people. As a result, the Thembu people are often misidentified as being Xhosa”.

Awokuvalelisa ngokuphathelele kwezomhlaba nobukhosi, igunya lokongamela umhlaba, abantu, nayo yonke into ewuqulathile, uThixo walinika iiKumkani neeNkosi ukuba ube sezandleni zabo ziwulawule. Ewe yena uRhulumente/ooCeba bancedisane nazo ekuphuhliseni nasekuwukhuseleni umhlaba nabantu ngokunjalo.

Umbono othi amafama makabelane nabasebenzi babo ngobutyebi bezo fama, ingathi unengxaki kuba ayingomhlaba wabasebenzi ngoweeNkosi zezo ndawo zime ezo fama, loo nto ithetha ukuthi ULAWULO LOMHLABA NABANTU BAWO MAWULAWULWE ZIINKOSI ZENDAWO ZINCEDISANE NORHULUMENTE/OOCEBA.

Ukumkani uHintsa Aah!!!Zanzolo yikumkani endiyikhumbulayo ngokwembali eyokuqala eyabulawelwa olu bango lusematheni namhlanje, wathetha wenjenje ngo 1834 “UMHLABA, IINKOMO NABANTU BAM BANENZA NTONI” ebhekisa kwiNgesi elinguSOUTHY umbhexeshi wemikhosi woRhulumente wobandlululo, wakhetha ukumbulala ngoko nangoko akugqiba wemka nentloko yakhe.

Ukumkani uHintsa ebenobuntu kakhulu ethanda bonke abantu noba ngabesiphina isizwe ebengekudanga kwikumkani zokuqala. Athi amaMfengu wona akufika ngobuninzi apha eDedesi wathi “ukuze bazive bomnkelekile kwaXhosa masibanike ubukhosi sithathe nakwintombi zabo zibengabafazi bethu”.

Kukho ke intetho ethi imbali yethu ayinakubaliswa ngababhali abamhlophe, kodwa kwicala lezobukhosi, ewe bakhona abathile ngenxa yokugutyungelwa ngalo makomkhulu bawabhalelayo khona ukuze bafihle loo mabibi kunjalo, ngelinye ixesha akunjalo, kuba bona bebengakhethi cala koko bebeyibhala ngobunjalo bayo, bade basebenzise kwaimbali abayifumana kubabhali abantsundu, ukuba ke zikhona iimpazamo kumanantsi adalwa ngabo kwakubuzwa kubo imbali. Ezo mpazamo ke zenziwa ngamaxhego awayekokose izikhundla zawo, amanye sele eshiywe bubudala nokuphela kwembali ezingqondweni zawo.

Abanye ababhali abantsundu babekwa yimilibo yababe ngamalungu ebhunga lezobukumkani zazilawula ngelo xesha, baqale ke babembonombini. ILesseyton Methodist Theological Training School yavalwa, ke (iTheological Education) yona yafuduselwa eFort Hare ngo1916.

Kwezobukhosi icekwa lisale nabantwana begazi, iinkosi, iikumkani amathandazwe nezihlobo zasebukhosini, ilifa lezwe lezihlwele zethu lingakhukuliswa yimpucuko ebhekise eSodom neGomora yaseNtshona, umbuzo uthi ingaba sakuphelela phi na midak’ entsundu kaXhosa? Ndisatshaya!!!

*NguPrince DM Bebi – Ngcwangu (uBangikhaya) weKing Ngcwangu Royal Family