Liyavuya igqala lika Poqo ngokukhululwa kukaKenny Motsamai

“Usebenzile uThixo waseAfrika ukuba anyibilikise intliziyo zababantu
ukuba bade bakhulule uKenny Motsamai, kodwa baninzi abanye abasafuna
ukukhululwa eluvalelweni”

Lawo ngamazwi wegqala lombutho wePAC nenkumanda yeAPLA uBhishop Waters
Toboti emva kokukhululwa kwejoni leAPLA uKenny Motsamai kwisigwebo sobom
entolongweni.

 UMotsamai ukhululwe ngengqawule
emva kokuchitha amashumi ambini anesixhenxe entolongweni. 

“Babesithi uMotsamai usisaphuma mthetho, ndaza ndangenelela ndicacisa
apho sisuka khona siyiAPLA kunye neli joni lakwaMotsamai, batsho babona ukuba
wayesilwela inkululeko yabantu baseAzania,” utsho uToboti.

UMotsamai wagwetywa ubomi entolongweni ngonyaka ka1989 emva kokudubula
abulale igosa lezendlela elimhlophe eRusternburg.

”Amajoni sasiwakhulula ukuba xa edinga izixhobo nezinye izinto
zokuzabalaza athathe izinto ebelungwini kuba ngabo abathatha ubutyebi
baseAfrika,” utshilo uToboti.

UMotsamai wamkelwe ngemincili yiPAC nayiEFF, ekuvakala ukuba izakumnika
umsebenzi osisigxina. 
Intombi kaMotsamai uBusisiwe Magagula ulilungu leEFF kodwa uyise uthi akangxaki
malunga nokoingakumbi xa abantwana bakhe bengengomalungu eANC okanye iDA.

“Abantwana bam badala kwaye banenkuleko yokuzikhethela ukuba bafuna
ntoni ingakumbi kwimicimbi yezopolitiko,” uthethe watsho uMotsamai. 

Ukanti uthe
akanamnqweno wasikhundla kwiPAC kodwa injongo yakhe kukumanya lo mbutho ekudala
wombethwe yiyantlukwano. Uphuma eluvalelweni emanashumi amahlanu anesine
ubudala. UMotsamai wayevalelwe inkosikazi yakhe uMantombi ikhulelwe,
intombazana yabo uBusisiwe.