Liyibekile inqawe igqala letishalakazi

Emva komzila omhle oqaqambileyo bufikelele esiphelweni ubomi bukaJessie Mathabo Haya emva kokusebenza njengotishalakazi ekwanceda iintsapho ezininzi ezihluphekayo.

Le tishalakazi isebenze kwizikolo ezininzi eziphambili kweli emva kokuba yona yafumana ithuba lokufundiswa ngu-Oliver Tambo kwisikolo sodumo iSt Peters eRoseteenville eRawutini.

U “Ncinci” njengoko ebesaziwa ufindise kwizikolo eziquka iNewlands efundisa ootishala isibhulu nanjengoko isibhulu sasinyanzelekile ukuba sifundwe ngumntu wonke.

Njengabo bonke abantu bexesha lokuphila kwakhe ufundise kwizikolo eziphambili eziquka St Cyprian eKorsten, eNewell naseMzontsundu. Ngomnye wootishala belo xesha owathi watyala imbewu yokuthandwa komculo weekwayala kwingingqi yaseBhayi nezisabonakalayo nanamhlanje izithole zomsebenzi wakhe.

Eli gqala lomfundisi ntsapho ngomnye wootishala abathe bangcamla kwiindidi ezahlukileyo zamasebe emfundo phantsi koorhulumente abahlukileyo.Usebenze phantsi korhulumente wase- Transvaal, Kapa, Bantu kunye nohlobo lemfundo ethe yeza norhulumente wentando yesininzi. UMathabo Haya uzalwa nguGeorge Makgothi Sehole owayeyinzalelwane yelizwe laseLesotho kunye no- Angelina.

Uyise wayeyitoliki yasezinkundleni kwaye lo msebenzi wawusenza ukuba ajikeleze kwiindawo ezahlukileyo zelizwe. Abazali bakhe batyala kuye imbewu yokuthanda ukusebenzela abantu nokukhathalela abo badinga uncedo. Ubesondla ngesuphu, iti kunye nesonka abantu abagulayo besiya kufuna uncedo kwisibhedlele saseBhayi.

Njengelungu elithembekileyo lenkonzo yamaTshetshi “uNcinci” ebekwakhathalela abantu abadala ingakumbi abo bahleli ebhedini bangamalungu ale nkonzo ngokubanika uncedo abalidingayo.

Ebekwangutishalakazi wesiXhosa ozidlayo ngolwimi lakhe, kungoko wathi waguqula incwadi yemphatho yenkonzo yakhe eyisusa esiNgesini eyisa kulwimi lesiXhosa. Enye yeendawo ebezithanda kakhulu ebomi bakhe ibiyidolophu yaseSomerset East nalapho athe wasebenza khona nje- ngotishalakazi waza kamva wayakusebenza eTinarha.

Utyelele amazwe amaninzi ehlabathi enabisa ulwazi lwakhe kwimikhakha eyahlukileyo yentlalo, uvela eIsrael, Thailand, Maurituis, Swaziland, Lesotho nase- Botswana. Uphume kweli esiya kunceda abantu abebeselubhacweni kwilizwe laseLesotho ngeendlela ezahlukileyo.

Ushiya ngasemva abantwana bakhe uBongiwe, Boniswa, Loyiso, Lizo kunye nabazukulwana abalishumi elinesihlanu kunye nesizukulwana esihlanu. Robala kakhotso MaTlou! Nkosikazi yaMangwevu, ooTshangisa, Zulu ooSkomo! Umzukulwana woDlamini, ooZizi ooJama kaSjadu.