USIHLALO weANC eMpuma Koloni, uOscar Mabuyane, ubongoze amalungu alo mbutho ukuba awathi nca amaxwebhu abhaliweyo ukuze athabathe inxaxheba ekwakhiweni kwalo mbutho nesizwe ngokusekelezelwe kubunkcubabuchopho.
UMabuyane uthi nangona nje amaxesha etshintshile apho imingxili yokufumana ulwazi ixananazile, kodwa ukufunda nokubhala kwakuhlala kuhleli.
Ebethetha namalungu alo mbutho kwindibano yekomiti yephondo yeANC.
UMabuyane uthi kukho ukuvama kwento yokonqena ukubhala nokufunda eluntwini.
“Ukuncipha kwenkcubeko yokufunda nokubhala kuyingozi nakowuphi na umzabalazo, esizweni nasembuthweni. Umbutho kufuneka ukhokele (kulo mba wokufunda nokubhala), kuba ngamanye amaxesha amaqabane wethu amka nomsinga wezihloko kwaneengongoma zeendaba, ubone esala ukuxoxa nzulu ngemiba,” utshilo uMabuyane.
UMabuyane ukwabalule bacele iArhente yoKhuselo lweLizwe (State Security Agency) ukuba iphande ubomi obuphilwa ngamalungu ekhabhinethi yephondo kuquka namagosa aphezulu kwisirhulumente sephondo.
“Oku kuza kunabela nakumanye amabakala kwinkonzo karhulumente kuba kukho amagosa karhulumente akwibakala elisezantsi ngokomsebenzi aphila ubomi obungaphaya kwamagxa wabo. Silindele ukuba kulandele iNdlu yoWiso-Mthetho yephondo kwanoomasipala,” utshilo uMabuyane.
“Okuphambili kuthi kukuba lo rhulumente wabantu mawube zizicaka zabantu, hayi ukufezekisa iminqweno yabantu abanorhwaphilizo abafuna ukuba zizityebabusuku endaweni yokuba kuphuhliswe iphondo lethu.
“Urhwaphilizo sisigrogriso esiyingozi kwanomqobo kuphuhliso lwephondo lethu. Ngeli zinga likhoyo lorhwaphilizo, asinakukwazi ukwakha iphondo elifuthelwe ziintshukumo zoshishino futhi likholose ngabantu balo,” utshilo uMabuyane.
Kusenjalo, iANC ephondweni ibhengeze ukuchithwa kwesikhokelo kulawulo lweengingqi ezimbini, iAmathole neAlfred Nzo, emva kokuphelelwa kwexesha lolawulo kwezi ngingqi. Isindululo esenziweyo kukuba abo bebekwikomiti yezi ngingqi, eshunqulelwa njengeREC, baza kufakwa kwiqela leqoqo lengingqi elimisiweyo.
Ibanjiwe indoda etshayise imoto ebikhwele uZuma