Liza kulungiswa kwakhona ibala laseGlenmore

Ibala laseGlenmore eNgqushwa liza kulungiswa emva kwesigqibo sikamasipala UMFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI

EKUGQIBELENI, uMasipala waseNgqushwa ude wasabela kwizikhalo zabahlali baseGlenmore, ekudala befuna kulungiswe ibala labo lezemidlalo nabakholelwa ukuba kwatyiwa imali yikontraka eyayityunjelwe ukulilungisa.

Kutshanje lo masipala, upapashe isinikixabiso (tender), apho ukhweba oosomashishini ukuba bafake iimpepha zokuphuculwa kwebala lezemidlalo lelali yaseGlenmore.

Ngaphambi kokulungiswa kweli bala kweyoMqungu ngo2016, abahlali baseGlenmore babebamba itumente rhoqo ngePasika, kugcwala kuthi qhu ebaleni, kudlalwa imidlalo entlobontlobo.

Emva kokuqaphela imfuno yezemidlalo, umasipala waphumeza ukuba lilungiswe ibala lale lali.

Zizigidi ezithathu ezachithwa nguMasipala waseNgqushwa elungisa eli bala, kumsebenzi owawunikwe inkampani kanondyebo weANC eAmathole uOnke Mgunculu, ebizwa njengeMgunculu Trading.

Ngokwemigqaliselo yomsebenzi wokuphuculwa kweli bala, le nkampani kwakufanele yenze ezi zinto zilandelayo: Isango elitsha, izindlu zangasese zamadoda namakhosikazi, izindlu zokutshintsha zabadlali, ibala elitsha lebhola yomnyazi, ibala elitsha leBasket Ball, izitulo zokubukela, ibala leembaleki, ukufakela ingca yala maxesha, ukufakela izixhobo zokunkcenkceshela kwanokufakela imijelo yamanzi.

Kodwa utyelelo lwephephandaba I’solezwe lesiXhosa kule lali ekuqaleni kwalo nyaka, lwabonisa mfanekiso wumbi. Kutyelelo lwethu, sagangwa libala elingenamfaneleko wazigidi ezithathu.

Kwingxelo ekhutshwe ngumbutho ongenanto yakwenza norhulumente iAfesis-corplan ezinze eMonti, umlawuli ophezulu walo mbutho uNontando Ngamlana, uthi kuluvuyo kubo ukubona uMasipala waseNgqushwa uthabathe esi sigqibo, watsho esithi ethembeni lokuba kwakutyunjwa usomashishini ogqibeleleyo emsebenzini.

Akucaci ukuba uyakuqala nini umsebenzi wokulungiswa kweli bala, kodwa umasipala ubeke umhla wesihlanu kwinyanga ezayo njengalowo wokugqibela koosomashishini abanomdla wokufaka izicelo.

Ngethuba I’solezwe lesiXhosa lalidlana naye indlebe, uMgunculu wathi: “Umsebenzi ndawugqiba, ze ndanikeza ngesiqinisekiso (isatifiketi) esingqina ukuba umsebenzi ndiwugqibile ngo2016. Akunakugxekwa mna ngemeko yela bala elimoshwe ngabantu futhi liphinde lingakhathalelwa.

“Ndibuhlungu futhi ndidanile ukubona eli bala likula meko. Le nto isisilumkiso kumasipala nakubahlali ukuba bayixabise into ephuhliselwe ukuxhamla bona.”