Amafama avelisa inyama kwihlabathi anethuba lokuba athengise inyama yawo ngexabiso elihle ngokoqikelelo lweBureau for Food and Agricultural Outlook yonyaka ka2024.
Ixabiso leendidi ezahlukeneyo zenyama kulindeleke ukuba ziqhubeke ukunyuka phakathi konyaka ka2024 ukuya kunyaka ka2033, itsho le ngxelo.
Le ngxelo ithi inyama yenkukhu yeyona inyuke ngepesenti ephezulu ekhulwini xa ithelekiswa nezinye iindidi zenyama.
Inyama yenkukhu inyuke ngamashumi amane anesibini ekhulwini eepesenti ngonyaka ka2020. Inyama yenkomo yona inyuke ngamashumi amabini ekhulwini eepesenti kwangeli xesha linye.
Kuthiwa alikho ithemba lokuba lingehla ixabiso lenyama kwiminyaka embalwa ezayo de kufike unyaka ka2033 apho kunokubakho umahluko.
Ukunyuka kwamaxabiso enyama kwihlabathi kubangelwa ziingxaki eziquka, imozulu eguqukayo, amaxabiso ezichumiso, amaxabiso amayeza emfuyo nezinye iingxaki.
Amafama avelisa inyama kweli loMzantsi Afrika aquka abo bavelisa inyama ebomvu ngokukodwa abo bafuye iinkomo zokuxhelwa.
Mihla le amafama avelisa inyama axhela iinkomo ezingaphezulu kwamashumi amabini ukuya kwikhulu ngokweemvume zokusebenza abazinikwe nguRhulumente.
Ukunyuka kwamaxabiso enyama kuvula ithuba lokuba amafama amancinci asemakhaya aqine ukuvelisa inyama ngokufuya iigusha, iibhokhwe, iinkomo neemveliso zenkukhu.
Ilizwe laseChina nelizwe laseIndiya ngawona azakuzuza kule meko ngenxa yokuba aneziseko ezizizo zokukhuthaza amafama wemfuyo aquka iimveliso zenkukhu, inyama yenkomo kwakunye neyegusha.
Kwikhaya ngalinye kwihlabathi inyama ihlala isetyenziswa phantse rhoqo ngosuku. Imbalela nengqatsini yelanga elingaqhelekanga kwiindawo ezininzi zehlabathi zibangela iingxaki kwimveliso yenyama.
Ubomi ejele kutata owadlwengula unyana wakhe ona-8