Liza kunyuka ixabiso letapile mthengi

Kulindeleke ukuba linyuke ngamandla ixabiso letapile kweli ukusukela kwinyanga ezayo. Oku kungenxa yezizathu eziquka ukuhla komgangatho weetapile ezitshatyalaliswe yingqele egqithisileyo.

Ngaphandle kokuba liza kunyuka ixabiso letapile, kukwalindeleke ukuba zinqongophale ngamandla ngenxa yale meko.

Amaqondo engqele aphantsi abangele ukulibaziseka kokukhula kweetapile nekwenze ukuba lihle inani leetapile ezivuniweyo. Iphondo laseLimpopo linegalelo elimandla kule meko kuba maninzi amafama atyala iitapile kwela phondo.

UMohammed Adams yingcali ngendlela zokuthenga ephuma kwinkampani yakwaMR Marketing, uchaza banzi ngale ngxaki.

“Iivenkile eziphambili ezithenga iitapile ngexesha sele zitshilo ukuba ngenene azikho mgangathweni iitapile, kwaye zincinci ngokwenani,” kutsho uAdams.

Iitapile sesinye sezityalo ezisebenza kakhulu kumakhaya amaninzi kweli kuba izidlo ezininzi zityiwa neetapile.

“Kulindeleke ukuba ixabiso libephakathi kwekhulu namashumi asibhozo ukuya kumakhulu amabini eerandi ingxowa ebunzima buziikhilogram ezilishumi,” kutsho uAdams.

Maninzi amafama avelisa iitapile kweli kodwa ngenxa yemozulu enengqele kubusika obugqithileyo, awakwazi kufikelela kwimfuneko yeetapile ezidingwa nguMzantsi Afrika.

Ingqele itshabalalisa igqabi kwiitapile kuze ngenxa yoko kufe igaqa elikhula ngaphantsi komhlaba, oku kubangela ukuba zingaqhubeli phambili iitapile.

“Ingqele egqithisileyo esidibene nayo kulo nyaka yeyona ngxaki ebangele konke oku, oku kuthetha ukuba ngenene mabazilungiselele abathengi kuzwelonke,” kutsho uAdams.