Lizakubhenela kwinkundla ephakamileyo igqwetha loonoteksi

Abanye boonoteksi abebevele enkundleni eNgqeleni ngoLwesihlanu. Umfanekiso: Sinikelo Goqweni

Igqwetha elimele oonoteksi abalishumi elinesixhenxe
ababebanjwe ngomhla weshumi nesixhenxe kweyeNkanga  lithi lizakubhenela kwinkundla
yamatyala ephakamileyo eMthatha emva kokukhatywa kwesicelo sebheyile
sabarhanelwa yinkundla yamatyala eNgqeleni.

Abarhanelwa batyholwa ngamatyala amane aquka
ukwenza udushe lasesidlangalaleni, nokufunyanwa benezixhobo ezinobungozi.

Ekuqaleni kokuvela kwaba barhanelwa enkundleni
kwinyanga ephelileyo igqwetha labarhnelwa uXolani Pangwa lafaka isicelo sokuba
inkundla iqwalasele ukuba elityala lifanekle ukuxoxwa eNgqeleni kusini na? 

Abarhanelwa babanjwa kwindawo yaseGxulu echazwe njengephantsi kweLibode
ligqwetha.

Iinkumanda zamapolisa, uPhathisile Majaja
waseLibode, noDumisa Nogqala waseNgqeleni banika ubungqina obakhokelela ukuba
umantyi ochophele elityala agwebe ngelithi likwinkundla efanelekileyo.

Emva koko okaPhangwa ufake isicelo sebheyile,
nesiphikisiweyo liGunyabantu lezoTshutshiso. Umtshutshisi welityala uMichael
Bradfield ubongoze inkundla ukuba isikhabe isicelo sebheyile.

“Umbuso unetyala eliluqilima ngakubarhanelwa,
amatyala abandakanya udushe loonoteksi, anobuzaza kuba kuchaphazeleka
abakhweli. Inkundla mayithathe isigqibo sokukhusela abantu abamsulwa 
ngokukhaba isicelo sebheyile.

Ukususela oko kwabanjwa abarhanelwa iziganeko zodushe
lweeteksi lusanqumamile,” uqhube watsho uBradfield.

UPhangwa uyalele inkundla ukuba ibakhulule abarhanelwa phantsi kwemiqathango
yebheyile eqatha, kodwa isicelo sakhe sawa phantsi.

Umantyi ebechophele le bheyile uSikhanyiso Ngomthi
uthe “Abarhanelwa bayawazi amangqina ombuso kweli tyala, kungoko
ndingazimiselanga ukuwabeka engozini. 

Nangona amatyala ajongene ekuluhlu
lwamatyala okuqala kodwa anobuzaza ngenxa yodushe loonoteksi. Isicelo sebheyile
siyakhatywa yinkundla yamatyala.”


Phakathi kwabo bebesezinkundleni ukuzokuphulaphula, ngamalungu ombutho weeteksi
Uncedo Taxi Association kwakunye neentsapho zamaxhoba.

Ityala limiselwe umhla we17kweyoMqungu kunyaka
ozayo.