Lizakudala imisebenzi uqoqosho lweelokishi namaphandle

LIZAKUDALA imisebenzi kwiindawo ezihlala abantu uqoqosho lwamaphandle nolweelokishi. Oku kuqulathwe kumqulu wezithembiso zeANC wonyulo loomasipala ekujongwe kulo.

Lo mqulu wothulwe ngumongameli walo mbutho uJacob Zuma kumabala emidlalo aseNelson Mandela Bay ngomgqibelo. UZuma uthe, intswelangqesho kuninzi lwabemi beli ngakumbi kulutsha, yenye yezinto ezidala inkxalabo kuKhongolose.

Umqulu wezithembiso walo mbutho udize iindlela zentsebenziswano noomasipala ezinokuthi zikhokelele ekuphumezeni le njongo. “Oomasipala beANC bazakulandela inkqubo yophuhliso lelizwe enika iingcebiso ngokuphuculwa koqoqosho kwiindawo abahlala kuzo abantu nokudala amathuba emisebenzi,” utshilo uZuma.

Uqhube wathi, “Urhulumente seqalisile ukusungula izicwangciso ezilithoba ngenjongo yokukhulisa uqoqosho kumacandelo afana nezolimo, imigodi, uqoqosho lolwandle, ezamandla, ubuxhakaxhaka bale mihla, amanzi, ugutyulo lwelindle kwakunye nezokhenketho.” Ubalule iphulo likaOperation Phakisa nabelisungula eBhayi kwiveki ephelileyo njengomnye wemizekelo kuqoqosho lolwandle.

UZuma uthe, “Kwiveki ephelileyo apha eBhayi sisungule inkqubo yoqoqosho lolwandle enexabiso leshumi elinesixhenxe leebhiliyoni, ukuze kuvuleke amathuba engqesho. Iqumrhu lwakwaTransnet lizakusebenzisa iibhiliyoni ezisixhenxe ekuphuculeni amanxweme olwandle kweli.”

Uqhube wathi, oomasipala bazakuxhasa urhwebo kwiilokishi nasemaphandleni baphinde bathenge imveliso kwezi ndawo. UZuma uthe, intsebenziswano noomasipala izakuvuselela uqoqosho lwengingqi ukuze zibe ngamaziko emveliso, okuhlela ulwazi, ukuze zibe ziindawo eziphuhlileyo. Ubalule uphuhliso lweziseko zemidlalo nenkcubeko njengenye yeendlela zokuphucula uqoqosho emaphandleni.

Ukwathe, oomasipala kufanele baxhotyiswe ekusebenziseni ubugcisa kwakunye neteknoloji kwiinkqubo zabo ukuze amaphandle avelise izinto ezifana namafutha eenqwelo, emveliso yehydrogen. “Sizakubambisana ekuphuhliseni uqoqosho lwengingqi, siqinisekise amathuba engqesho kwakunye nokuqinisekisa ukuba uninzi lolutsha liyaxhamla kulama thuba,” uqhube watsho uZuma.

Ukanti umqulu weANC wonyulo ukwadize ukuba, lo mbutho uzakuqinisekisa ukuba oomasipala baneenkqubo eziquka ulutsha, ukuphuhlisa izakhono zolutsha kwakunye nenxaxheba yalo kushishino. Ukwathe urhulumente uzisa unxibelelwano ngokomnatha kuluntu ngokufakela iWiFi yasimahla.

OkaZuma uthe, urhulumente okhokelwe yiANC uzimisele ekuncedeni uluntu oluthwaxwa yintswelangqsho ngezibonelelo kwakunye nemisebenzi yethutyana ephantsi kwenkqubo yeEPWP. Uqhube wathi, “Uninzi kwi16000 exhamla kwizibonelelo zoluntu, iinkedama kwakunye nabangathathi ntweni”

Ukwathe, “Amathuba ethutyana afumaneka ngenkqubo karhulumente ejoliswe ekuziseni imisebenzi kuluntu, kwaye inceda kakhulu abasetyhini kwakunye nolutsha. Balungisa iindlela, basebenza ezitalatweni, becoca nezakhiwo zikarhulumente, balwa nemililo emadlelweni kwakunye nezinye izinto.”

Inkqubo yeEPWP kulindeleke ukuba idale izigidi ezithandathu zamathuba ethutyana kule minyaka mithathu izayo.

Ephendula kwikhwelo ebelihlatywe nguSdumo Dlamini weCosatu kwakulo msitho, nafuna kupheliswe iinkampani ezishishina ngabasebenzi, uZuma uthe, oomasipala bazakukhuthazwa ukuba bangaxhomekeki kwezi nkampani, koko bazenzele imisebenzi ngezakhono zabo.