Lizakungcwatyelwa eTsomo igosa likarhulumente elidutyulwe eMonti

Obeyintloko yabasebenzi kwisebe lophuhliso loluntu eMpuma Koloni uSakhekile Ndudula obhubhe emva kokudutyulwa eMonti. UMFANEKISO: FACEBOOK

SELE ubhengeziwe umhla wokungcwatywa kwegosa eliphezulu kwisebe lophuhliso loluntu eMpuma Koloni, elibhubhe emva kokudutyulwa kumzi walo eCambridge West eMonti ngoLwesithathu.


USakhekile Ndudula (52), obesebenza njengengqonyela yabasebenzi (Chief of Staff) kwi-ofisi kaMphathiswa wesebe lophuhliso loluntu uNancy Sihlwayi, udutyulwe malunga nentsimbi yesixhenxe kusasa ngoLwesithathu.


Isithethi samapolisa uKapteni Mluleki Mbi uthi lo kaNdudula ebehleli nenkosikazi yakhe ngethuba efumana elishwangusha. “Udutyulwe isikakhulu kumzimba ongentla izihlandlo ezisibhozo. Abarhanelwa abakhange bathathe kwanto, nemoto bayishiye apho babaleka,” utshilo uMbi. Ukwathe amapolisa asekhondweni lokubamba abarhanelwa.

 

Usihlalo weDA eMpuma Koloni uVeliswa Mvenya udlulise amazwi ovelwano kusapho nabahlobo bakaNdudula. “USakhekile ndiye ndafumana ukumazi ngethuba ndililungu lekomiti yesebe lophuhliso loluntu kwiNdlu yoWiso-Mthetho (eBhisho). Ebengumntu olulutho kakhulu esebeni,” kutsho uMvenya.


Inkonzo yesikhumbuzo kaNdudula izakubanjelwa eBhisho Youth Care Centre ngoLwesibini umhla wamashumi amabini, ze umngcwabo ubekwilali iSgubudwini eTsomo ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini anesine kule nyanga.