Inyama yenkukhu yeyona ithandwa kakhulu kumakhaya amaninzi eMzantsi Afrika ngenxa yexabiso layo elifikelelekayo, kodwa lizakunyuka kwezinyanga zizayo.
Le nyama equlethe iproteni ezifunwa ngumzimba mihla yonke nekulula ukuyivelisa kumafama izakunyuka. UPaul Cruickshank wakwa RCL, uthi banyanzelwa zimeko ezininzi ukuba balinyuse ixabiso lenyama yenkukhu.
“Ilahleko ebangelwa kukucima kombane, ukunyuka kwamaxabiso okutya kokondla iinkukhu zezinye kwizizathu ezenze ukuba sithathe esi sigqibo,” kutsho uCruickshank.
Oku kwenzeka logama amafama wenyama yenkukhu kweli esagqibezela idabi lokunqanda inyama yenkukhu esuka kumazwe angaphandle edidinjelwa kweli.
“Kuzakuxokiswa abantu ngezizathu zethu zokunyusa amaxabiso enyama yenkukhu, kodwa ke ezethu izizathu zicacile asenzi ngeniso ngenxa yezi zathu sele ndizithethile,” kutsho uCraickshank.
Ukutya kokondla iinkukhu kuqikelelwa kumyinge wamshumi asixhenxe ekhulwini epesenti kwisondlo senkukhu.
Ngenyanga kaCanzibe walo nyaka inkampani yakwa Astral Foods evelisa inyama yenkukhu ikhuphe iinkcukacha zayo ezibhentsisa ububi bemeko abasenza phantsi kwayo.
“Ukuba asinakukhawulezisa ukuthatha amanyathelo okuzama ukuhlangula ishishini lokuthengisa inyama yenkukhu siyakunyanzeleka ukuba sivale,” kucacisa uCraickshank.
Kukho iingxelo zokuba ingeniso yenkampani yakwa Rainbow ephantsi kweRCL Foods yehle ngamashumi amane ekhulwini epesenti. “Ukuthengisa ungenzi nzuzo ayiyondlela entle yokuqhuba ushishino, kumele ukuba senze ingeniso nokuba ingakanani ukuze sihlale siqhubeka nomsebenzi wethu,” kutsho uCraickshank.
Kutshanje umzimveliso wenyama yenkukhu eHammarsdale eThekwini uvule ngokutsha ingcango zawo emva kokuvala ukusukela ngonyaka ka2017. “Ukupasiswa kwamaxabiso esithengisa ngawo kuxhomekeke ngamandla kwindlela ebona ngayo iKhomishini ejongene nokhuphiswano kweli, ngoko sinomqobo omiyo phambi kwethu,” kutsho uCraickshank.
UMphathiswa weSebe lorhwebo noshishino uIbrahim Patel uthi uzakusebenzisa igunya lakhe ebambisene neKhomishini ejongene nokhuphiswano kweli ukuba alinyuswa ngesibaxo ixabiso lenyama yenkukhu. Abo bamirholo iphantsi kweli baxhomekeke ngamandla kwinyama yenkukhu kuba iyafikeleleka ngexabiso.
Ukuphumelela kwenzame zokunyusa eli xabiso kungabangela ukuba aqhubeke ngaphandle kwengxaki amafama okuvelisa inyama yenkukhu ukwenza umsebenzi wawo.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika abhubhele eDRC kulindeleke ukuba ifike