Lizakutyhilwa kunyaka ozayo ilitye likaNgubengcuka

LIZAKUTYHILWA ngomhla we-22 kweyoMsintsi kunyaka ozayo (2017) ilitye leKumkani yabaThembu uNgubengcuka ebekulindeleke lityhilwe kule nyanga. Oku kudizwe likomkhulu labathembu ebeliququzelela lo msitho.

Othethe egameni lela komkhulu uNkosi Lindikhaya Mtirara uthi eli litye bekumele ukuba lityhilwe ngomhla wamashumi amabini anesithathu kuleyo Msintsi.

“Sithathe isigqibo silikomkhulu nabazukulwana baka Ngubengcuka sisithi kufuneka sifumane ithuba elaneleyo ukuze kwaziswe wonke umntu, ukuze lityhilwe ngembeko elifaneleyo eli litye,” utshilo uMtirara.

Umasipala waseChris Hani, inkonzo yamaWesile, nomasipala waseNgcobo benze igalelo lemali yokwakhiwa kwelitye lesikhumbuzo sikaNgubengcuka.

Othethe egameni lomasipala wesithili saseChris Hani uThobeka Mqamelo uthi lo masipala uyinxalenye yenkqubo yokutyhilwa kweli litye.

“Ukutyhilwa kwelitye leKumkani yabaThembu uNgubengcuka bekuyinxalenye yenkqubo zethu kulonyaka mali, ngoko sinolwazi ngokutyhilwa kwelilitye,” uthethe oko uMqamelo.

Ingcwaba likaNgubengcuka liseClarkbary kwidolophu yaseNgcobo.

Ingxelo ithi yimali ebalelwa kwisigidi seerandi (R1-Million) eyachithwa ekwakheni kwelitye lale Kumkani yaBathembu.

“Endaweni yokutyhila elilitye ngoLwesihlanu sibambe indibano yabo bonke abazukulwa bakaNgubengcuka emva kokuba besithume uNkosi Bhekisizwe Mtirara ukuba ajikeleze kuzo zonke izizwe zikaNgubengcuka, sivene ngayo yonke into,”ucacise watsho uMtirara.

Imbali ithi uNgubengcuka nguye owazala ubukhosi baMagcina ngokunika uTyhopho iwonga lokuba abeyinkosi yamaGcina.

“UNkosi Dalasile naye wanikwa yile Kumkani igunya lokuba abe yinkosi yesizwe saMaqwathi, nto leyo eyakhokelela ukuba esi sizwe sibalwe xa kubalwa izizwe zabaThembu,” utshilo uMtirara.

Uthi bajonge ukunika urhulumente nebhunga lezinto ezililifa kweli iNational Heritage Council ithuba lokuba zingenelele kumalungiselelo.

Kumiselwe ikomiti yethutyana ukuba iqalise ukumema abantu besizwe sabaThembu nabantu ngokubanzi kuquka neeNkosi zezinye izizwe ukuze zibeyinxalenye yokutyhilwa kwelilitye.

“Siyakubamba enye indibano kwakho kwinyanga yoKwindla kunyaka ozayo, kodwa zizakubakhona intlanganiso eziqhutywayo ezingxamisekileyo,” utsho uMtirara.

UNgubengcuka uphile ngeminyaka yo-1790 waza wabhubha ngomhla weshumi kwinyanga ka-Agasti ngo 1830 emva kokumanya isizwe sabaThembu.

Esinqeni sakhe kuphume ingadla-ngadla ezifana noDalindyebo, kwindlu enkulu nguMtirara, uMnqanqeni, noMandela nezinye.

“Axolile amaDlomo ngendlela esiqhuba ngayo lamalungiselelo kuba wonke umntu wazisiwe, abo bangeka ziswa sizakuqinisekisa ukuba banikwa ithuba nabo,” utshilo uMtirara.

Kunyaka ophelileyo iinkosi zesizwe sabaThembu zityelele ingcwaba likaNgubengcuka eClarkbary emva kokuba urhulumente wabonisa umdla wokuba lityhilwe ilitye lale kumkani.