UKUSUKA kubuntofo-ntofo bokusebenza e-ofisini njengegosa lezonxibelelwano leANC kwiphondo liphela ukuya kuzigqatsa njengoceba kwiwadi apho kuphethe khona iDA, lowo nguPindile Miza.
UMiza ebefudula esebenza njengegosa lezonxibelelwano kwiANC eMpuma Koloni. Iindaba zokuzigqatsa kwakhe kubuceba bukaWadi 3 eBuffalo City zothuse abaninzi.
“Ndibengumgqatswa weANC ngokucelwa ngamalungu ombutho nabahlali aba bahlala kule ndawo ndihlala kuyo (Wadi 3).
Xa abantu bebone ukuba ndingabamela kwamasipala njengoceba, kwaye ndinaso nesakhono kwanolwazi oluphangaleleyo endingalusebenzisa ukuzisa uphuhliso nobomi obungcono kwindawo yabo nakwipmilo yabo, kubenzima kum ukubangaphesheya,” kutsho uMiza.
Iindawo azigqatse kuyo iquka iSouthernwood, Braelyn Heights, Milner Estate kwakunye neStoney Drift. Njengoko le wadi ibisoloko iphantsi kombutho ophikisayo iDA, kwiminyaka elishumi ingooceba beDA, uMiza uthi kubonakele ukuba bekungekho njongo zokwakha uluntu.
Uthi kwezinye zezicwangciso zakhe kukudala iinkqubo ezizakuthi zidibanise abahlali bathathe inxaxheba kwiinkqubo zophuhliso lweendawo zabo. “Ukuziswa kweenkonzo zikamasipala kuzakuba kwinkqubo elindelekileyo.Iinkqubo zokuphuhlisa umfundi nomntu omtsha ohlala kule Wadi. Uninzi labahlali apha ngabantu abatsha abazofuna amathuba. Okwam kukuza neenkqubo eziza namathuba abo,” uthembise ngelo uMiza.
Kule veki, iANC ibhengeze obesakuba yintatheli yeSABC uJudy Ngoloyi njengegosa lezonxibelelwano elibambeleyo kumbutho iANC. UNgoloyi uzakujongana namaphulo ezolonyulo eANC kweli.
Kubanjwe abathathu ngezityholo zokuxhwila nokuqweqwedisa