Lizilile ikoMkhulu lamaNdlambe

Lizilile ikomkhulu lamaNdlambe emva kokubhubha kwenye yeengwevukazi zesa sizwe uNkosazana Nomvula Makinana eminyaka ingamashumi alithoba anesibini wazalwayo.

Le nkosazana iyintombi kaNkosi Msintsi Makinana (AA!! Mpondombini) wesizwe samaNdlambe ongasekhoyo ozalwa kunye noNkosi Solani Makinana bengoonyana bakaNkosi Makinana wokuqala.

UNomvula uchithe ixesha lakhe elininzi esebenza kwimizi-mveliso yaseMonti, lo gama ebekwangumKrestu ozinikeleyo kuThixo wakhe.

Ngexesha lokudla kwakhe ubomi ukhuthaze amakhosikazi amaninzi ukuba azixhobise ezilungiselela ukuthatha inxaxheba kuphuhliso ngokubanzi.

Le nkosazana ilishiye eli ngoxolo izilelele ekhayeni layo, ishiya ngamsemva abantwana abathandathu, indodana enye kunye namantombazana amahlanu kunye nabazukulwana abaliqela.

UNkosazana Nomvula Makinana uzakungcwatyelwa N.U. 2 eMdantsane ngomhla wesixhenxe kwinyanga kaCanzibe kulo nyaka.