ANDINGOMNTU othanda ukugxeka, kodwa ndichukumiseke kakhulu ndibukele isiqendu sokuqala somdlalo kamabonakude odlala ngeCawa kuMzansi Magic, Igazi. Xeshikweni besenza iintengiso zalo mdlalo babeveza abantu abanxibe imibhaco bethetha isiXhosa sakuthi, ndanomdla nam, ndabukela. Yhini ukuphoxeka kangaka sendiyibukele.
Ngokwenkcazelo neentetho zabadlali balo mdlalo wenzelwe eMpuma Koloni; ikhaya lethu leengqwele. Into endiphazamise kakhulu yeyokuba kulo mdlalo kuthethwa ngobukhosi bamaMpondo.
Mandiqale ngokuthi umama ondizalayo, uMaDwera, yintombi yasemaMpondweni aze utata wam ibe ngumfo wasemaXhoseni, uMqoma.
Nangona ndikhulele eThekwini, umama undikhulise waqinisekisa ukuba ndiyazazi futhi ndiyazingca ngemvelaphi yam. Ndithe ndibukele Igazi ndalindela ukuva amagama endiwaqhelileyo kulwimi lwesiMpondo, kodwa nkqi, andivanga neli linye nakuluhlu lwesinxibo ndibone umbhaco neentsimbi zamaXhosa.
Ndikhulele eThekwini ngeminyaka ka-1980, ngaloomaxesha eli gama lamaMpondo lalingohlulwa kubantu abantetha isisiXhosa. Kunanamhlanje basekhona abantu abakholelwa ukuba iMpondo nomXhosa yinto enye. Bambi bade bathi iMpondo ngumXhosa ofundileyo.
Kula maxesha eDemokhrasi, akumelanga ukuba kusekho iintlanga okanye amasiko ezizwe ezithile aye athi ajongelwe phantsi. Kodwa yhi sihamba njalo, kukho imiboniso bhanya-bhanya ezama ngandlela zonke ukucima imbali nokubaluleka kwezinye izizwe kweli. IsiMpondo naso ingathi siyabulalwa phantsi kwale demokhrasi.
Okokuqala isiMpondo asifundiswa ezikolweni, abantwana bamaMpondo bafunda isiXhosa, azikho neencwadi ezibhalwe ngesiMpondo, ayikho nditsho nemidlalo kanomathotholo nomabonakude esebenzisa isiMpondo; akho kwa nto endinokuthi yinzame yokulondoloza olu lwimi.
Bendinethemba lokuba lo mdlalo uzokuguqula le meko kodwa hayi. Andithwalisi abavelisi balo mdlalo ngoxanduva lokukhulisa ulwimi lwesiMpondo kodwa ndithi ngokuthatha kwabo isigqibo sokuthi umdlalo wabo bawenze egameni lesizwe samaMpondo, bekufanele bazihluphe ngokutyelela elamaMpondo pha eMpuma Koloni khe bafunde nje kancinci ngamaMpondo ukuze baveze umfanekiso ochanekileyo wamaMpondo kumabonakude. Le bayenzileyo ngoku kukuqhubela phambili ubuxoki bokuba amaMpondo namaXhosa yinto enye.
Bukhona ubukhosi bukaSigcau; ooFaku abathwele uxanduva lokulondoloza inkcubeko yamaMpondo.
Ndiyazi ukuba bebeceliwe bebezakulivuyela ithuba lokuveza nokufundisa ngobuhle benkcubeko yamaMpondo.
Andazi nokuba ikhona na into enokwenziwa ngoku ukuqinisekisa ukuba le mpazamo iyalungiswa, ngoba thina bantu abanegazi lamaMpondo siyavakalelwa xa indlela yethu yokuphila inyeshwa kanje. Ngekungcono nokuba bebengakhange baqale kwa ukuqala. UTat’ uMadiba wasifundisa ukuba xa uthetha nomuntu ngolwimi alwaziyo, uthetha nengqondo yakhe. Kodwa xa uthetha naye ngolwimi lwakhe aluncance ebeleni uthetha nentliziyo yakhe.
Ngelishwa kwizwe lethu amaMpondo afana nesizwe esingekhoyo ngoba akho mntu ozihlupha ngokuthetha nawo okanye ngawo.
Mhlawumbi ukufika kwe Igazi koomabonakude bethu nokuphoxeka kwabanye bethu, kufanele sikubone njengesiqalo esitsha. Kufuneka siphaphame sizibuze ukuba singenza njani ukuqinisekisa ukuba imiboniso bhanya-bhanya engamaMpondo ayitshabalalisi ubuMpondo bethu.
Mhlawumbi kufuneka sijonge iindlela esinokusebenzisa unomathotholo nomabonakude ukwakha isiMpondo.
Endinqwenela ukuyidlulisa nokuyicacisa gca kukuba amaMpondo namaXhosa zizizwe ezimbini ezahlukeneyo; zihamba zihambe zidityaniswe kukuba nesinyanya esinye esinguMnguni.
AmaMpondo anezithethe nenkcubeko yawo eyohlukileyo. Mhlawumbi lide lafika ixesha lokuba siyeke ukuzimela nokukhombana ngeminwe; kufike ixesha lokuba siphakame senze konke okusemandleni ethu ukuphakamisa nokufundisa ngazo zonke iilwimi zeli lo Mzantsi Afrika. Ndiyazi ukuba akukho nzuzo izuzekayo kwicala lezezimali kumcimbi wophuhliso lwezi lwimi, kodwa isizukulwana esiza emva kwethu singazuza nto kuzo.
Andiqondi ukuba ukhona umntu waseMzantsi Afrika onqwenela ukuvuka ngenye imini sele ephila kwizwe ekuthethwa ulwimi olunye qha kulo. Kanti le nto yinto enokwenzeka ukuba sizakuvumela ukuba iilwimi zethu zibulawe. Ukuba siyasiyeka isiMpondo sinyathelwe kanje kwi Igazi namhlanje, ngomso kuzakubulalwa olunye ulwimi lwesintu.
UNcumisa Ndelu sisithethi somphathiswa wokuphuhliswa koluntu kwaZulu Natal. Lo ngumbono wakhe, hayi owomsebenzi nomqeshi wakhe.
Umqeqeshi weSundowns uncoma uLucas Ribeiro owonzakalise iPirates