Lo ngumbuzo obuzwe yintatheli yethu uSiyabulela Mqikela kumaqonga onxibelelwano. Yiva benika iimpendulo ngabakwaziyo.

Ntips Shete: Ngumntwana ozalelwe eqokobheni liye likrazulwe ke kuvele umntwana, icover leyo ke iye igcinwe njengechiza lokumana linyanga lo mntwana xa egula .

liyomiswa, noba uyakhohlela liyagximfwa asele noba uyaxhuzula njl njl. Lo mntwana ke ubukhali kakhulu ubona izinto ezingabonwayo, ufana negqirha kodwa ke elingagqibelelanga, uyaphupha, uba akafuni kuya endaweni yazi ikhona ingxaki. Camagu. Qumbu

Sonwabile Mtwebana: Andiqiniseki Mqikela, kodwa ndicinga ukuba ngumntwana ofumaneke phambi kwexesha, kudala wayaye afakwe esingxotyeni kude kuphele iiNyanga eziLithoba, ekakaswa ngaMagxegwazana lawo ebebelekisa. Lady Frere

Sno Z Gogo: Umntwana osesingxobeni ngumntwana ozalwe ecoverisheke ngento engathi yiplastic etransparent, kuthiwa sisingxobo ke eso futhi umntwana onjalo uyaboniswa izinto ezizakwenzeka nezenzekayo uyandweba ngokugqithisileyo.

Caroline Beyile:

Umama wam ungumntu okwaziyo ukuyibona into ingekenzeki, xa elimile isivuno sibasininzi. Uneembono ezintle. Womelele akaguli lula usoloko ephilile. Uyakubona xa ungalunganga kodwa akakoyiki.Ngqushwa

Nontozamo MamNkabane Mahobe-Mhlauli:

Bohluke mpeeeeeeela aba bam.. omnye yintombi sele ena- 22, omnye yinkwenkwe una-16, hayi abagqwesanga apha eklasini, bahamba kunye nabanye. nalapha ekhayeni, awude uthi ngabo aba. Abagqamanga nganto shem aba bam. Komani

Ncumisa Magudu: Ngumntwana ophuma kunina enesigqumathelo tata nomamam wayenguye. Kwelera

Feziwe Qaba: Ngumntwana ophuma kunina egqumathele akakhali de kuchanjuzwe esa singxobo. Kangokuba owam umama uthi, “ndakhala ndabuza yintoni ngoku le ndiyizeleyo!” (ngela xesha lakudala lokuzalela endlini) kwathiwa ngaloo, maxhegwazana, hayi ngumntwana wesingxobo nguye lo #kwabe ke kugungquza lo nto kungabonwa noba nguntwana.Cofimvaba

Ntips Shete:

Abanye ke baye bahluphe ngokugula njalo kungoko ke kugcinwa isingxobo esi kuba lichiza lakhe kuyo yonke into qha sinengxaki kolu belekelo zibhedlele kuba namhla isingxobo eso siyathathwa sisibhedlele ungasifumani uba basenzani bona, ifuna abaphandi. Kumaxa akudala kwakulula kuba kwakubelekelwa emva kocango.Qumbu

Batandwa Same:

Uphuma embethe isambatho esohlukileyo kweziqhelekileyo, sithi ke xa efikele kumzi ozaziyo ezakwaNtu sithathwe somiswe, andazi ke noba uhlambela kuso na kodwa hayi mfowam bakrelekrele ndinomhlobo akakhumshi, akaprati yeha, wena Msholozi, akanaye nothu esikolweni. Ntabankulu

Ndoyisile Mlungwana: Ngumntwana ophuma embeswe ngenwebu , nomngane wakho Thembinkosi wayengumntwana wesingxobo. Lady Frere