Lubhaqwe yinja usana obelulahliwe eBraelyn

swe yinja.

Bashiyeke bebambe ongezantsi abahlali baseBraelyn eMonti emva kokuba kuthe kwabhawqa usana olungange sandla somntu kodwa ona amalungu onke omzimba esaphelele. Oku kwenzeke kwisitalato iMilkwood eBraelyn ngentsasa yanamhlanje. Abazibonelelyo bathi olu sana luze lurhuqwa yinja egama linguSnoopy isuka ngakwindawo yokulahla inkunkuma laluthi tywa phambi kwesango lomzi othile kwisitalato esi. Isolezwe lifike usana olu sele lugqunywe ngekhadibhodi kwaye nabahlali bengxangile besothuswe sesisehlo. Umama wekhaya ekubhaqwe kulo usana uNothemba Mazwi uthi ibengumbono into eyenzeke kwakhe ngale intseni.

 

“Ndisegumbini lokulala  xa ndiqala ukuba ndiyalungisa ndizohlamba ndive ukuba phandle kuyangxolwa kukho abantu kwaye negeyithi iyangxola kubonakala ukuba ivulwa ngamandla kube kukho nenja etsibayo apha kwigeyithi. Kusenjalo kubekho nomfana  oza ngqo apha endlini ndabaleka ndiqonda ukuba kwenzekani umfana, athi kukho inja echole usana esuka ngase thafeni elapha kwakho. Ndibaleke ndibize umnikazi wenja ongummelwane wam ndibe ndisoyika emva koko ndibe sele nditsalela namapolisa,”utshilo uMazwi.

 

USisanda Dewu ongumnikazi wenja uthi nabo ibothusile kwaye usangcangcazela kukoyika yinto eyenzeke ngale ntseni. Uthi ngoko lwazi lakhe bekungekhho mntu ukhulelweyo kwisitalato sakhe ngaphandle kokuba ebezifihla okhoyo. Ibhaqiwe iplasitiki leyo ibinosana ebekugqogqa inja kwaye negazi liselitsha kubonakala ukuba ukuzalwa kosana olu yinto esentsha enokuba yenzeke ngobusuku okanye ekuzeni kusa namhlanje. Usana alunamkrwelo lusaphelele uSnoopy ebengekalutyi. Amapolisa alammandla afikile azithathile inkucukacha nemoto elayisha imizimba yakwaForensic iluthathile usana.