Lubhiyozele inkcubeko ulutsha lwaseNgcobo

Abaphumeleleyo uMr Ngcobo Heritage uMihlali Khalipha, noMiss Ngcobo Heritage uOlwethu Dlamini. Umfanekiso: Malwande Mantshule

ULUTSHA laseNgcobo
lubhiyozele usuku lwenkcubeko ngomculo, umxhentso imibongo kunye nokhuphiswano
loonobuhle apho bekhuphe uMiss noMr Heritage kule dolophu.

Lo mbhiyozo ubanjelwe kwindawo yaseNkondlo
kubusuku bangoMgqibelo, uququzelelwe nguPumeza Busakwe, Amanda Hlekiso kunye
noMveliso Macingwane nabavakalise ukuvuyiseka kukubona ulutsha lundawonye, lonwabile, lungenzi nto igwenxa.

UBusakwe uthi abantwana
baseNgcobo ngokubanzi banamaphupha amahle ntonje badinga inkxaso yokuwaphumeza. ”Zininzi izakhono ezikulutsha umculo, umxhentso, imibongo
kunye nomculo weHip-Hop neRap into ebalulekile kukuxhaswa kuloo nto umntu akholwa
yiyo angade ancame azinekele kwizinto ezigwenxa,” utshilo. 

Enye yezinto oluzidla ngayo ulutsha
lwaseNkondlo kukubuyisa inkciyo ngenjongo yokulwa nokumitha kwamantombazana ngaphambi kwexesha, nokulwa izifo ezosulela ngokwesondo.

Abaququzeleli bameme amanina aphume izandla ngelifuna ukuba
anike amazwi obulumko kulutsha, 
ukuqinisekisa ukuba umyalezo uyangena kulutsha. Usodolophu womasipala
waseNgcobo uLizeka Tyali ugxininise ekugcinweni nokuxatyiswa kwesiNtu. Usomlomo
walo masipala uSiphokazi Nkele ubalule imfundo njengesitshixo sokukhulula wonke ubani
kumakhamandela okuxhomekeka kwabanye abantu. 

Intatheli yejelo leendaba
zoluntu iSABC uZimkhitha Manqinana obesesinye sezithethi u
khuthaze abaququzeleli ukuba bangatyhafi baqhubele phambili bawenze mkhulu nangakumbi lo mcimbi kunyaka ozayo. Uthe, ”Esi sisiqalo
sempumelelo yeNgcobo kuyeke ukuthi xa kuthethwa ngeNgcobo kuthiwe
intswelangqesho iphezulu, indlala iyagquba isimilo sihexile le yanamhlanje into
yeyokujika ithi iNgcobo igqwesile kwingqesho isimilo sibonwa ubuhle
baso eNgcobo.” UManqinana ukhuthaze ulutsha esithi, “Emva kwebanga leshumi sukuhlala mntu omtsha qhubeleka
nemfundo, xa ukwazile ukunyamezela isikolo iminyaka elishumi elinesibini uxakwa
yintoni ukunyamezela eminye iminyaka emithathu qwaba ezakuqeshisa ube ngumntu.”

Ukhuphiswano loonobuhle liphunyelelwe ngu-Olwethu Dlamini onguMiss Heritage, uMihlali Khalipha waphumelela uMr Heritage. Esi sibini sinoxanduva lokukhuthaza abanye abantwana ekuzigcineni nyulu
kunye nokuxabisa imfundo.