Lubuyela ekhaya usana leli elizalelwe kwintolongo yaseMauritius

Lubuyela ekhaya usana leli elizalelwe kwintolongo yaseMauritius. Umfanekiso: Corne-Ann Photography

Agaleleke kwilizwe laseMauritius ngomhla weshumi kule nyanga amagosa weSebe lezeNtlalontle oMzantsi Afrika kwiphulo lokuya kuthatha umntwana ozalelwe entolongweni yela lizwe ngunina oseluvalelweni.

Othethe egameni leSebe lezeNtlalontle kweli, uBathembu Futshane, uthi la magosa aza kusebenza kwezi ntsuku zintathu zilandelayo ukuqinisekisa ukuba olu sana lubuyela ekhaya eMzantsi Afrika.

“Eli gqiza lamagosa wethu liza kuqukumbela izinto eziphambili ukuqinisekisa ukuba umntwana lo ubuyela kweli loMzantsi Afrika ngaphandle kwengxaki,” kutsho uFutshane.

Xa efika kweli, lo mntwana kulindeleke ukuba anikelwe kwikhaya eliza kukhathalela impilo yakhe ukuze akhule njengabanye abantwana.

“Igqiza lethu likhokelwe ngumakhwekhwetha wonontlalontle uDikeledi Louw nekulindeleke ukuba aqinisekise ukuba umthetho uyalandelwa ukubuyisa lo mntwana logama kukwaqinisekiswa ukhuseleko lwakhe,” kutsho uFutshane.

Eli gqiza loonontlalontle kukwalindeleke ukuba libambe indibano kwakunye namagosa endlu yozakuzo yeli ekwela lizwe laseMauritius.

“Xa zilandelwe zonke iinkqubo zokubuyiswa kwalo mntwana, kulindeleke ukuba la magosa adityaniswe nonina womntwana ukuze umntwana abuyele ekhaya,” kucacisa uFutshane.

Ngabantwana abakumashumi amabini anesihlanu beli abazalelwa ezintolongweni zehlabathi nabasele bebuyiselwe kweli ngoncedo lukarhulumente. Unina walo mntwana wabanjwa ngezityholo zokuthubelezisa iziyobisi ephuma kweli loMzantsi Afrika.

“Sele sibuyise abantwana ebebekwiintolongo kumazwe aquka iBritane, Senegal, Philippines kwakunye neBrazil,” uhambise watsho uFutshane.

Kuthiwa kukho iinzame ezijoliswe ukuba abantu beli ababanjwe kumazwe ehlabathi bagqibezele izigwebo zabo ekhaya eMzantsi Afrika.

Ngabantu beli abangaphezu kwewaka abakwiintolongo ezahlukeneyo zehlabathi ngenxa yokubanjelwa amatyala aquka ukuthengisa iziyobisi namanye amatyala.

“Lo mntwana uneminyaka emihlanu kuphela, ukufika kwakhe apha eMzantsi Afrika uza kunikelwa kusapho esele silichongile kwiphondo laseMntla Ntshona,” kutsho uFutshane.