Lucela amalizo usapho olushiyeke lungenalo necephe!

“Ngumbono osamane uxhola ngaphakathi entliziyweni owokubukela indlu ebinento yonke, endiwe ndivuka ndiyilungisa kunzima, ivutha amadangatya omlilo phambi kwam ndabe ndibukele ndingenokwenza nto.” Lowo nguNora Toyiya (49) oyikomiti kwaWadi 7 kwilali iEthembeni eCumakala, phantsi koMasipala Amahlathi oshiyekelwe kuphela zezo bezisesiqwini iimpahla ngethuba etshelwa likhaya.

UToyiya, norhola iwaka leerandi (R1000) kuphela ngenyanga, uthi umlilo uvele kwigumbi lokulala, wabe yena nomama wakhe uNowakhe (67) kwakunye nomzukulwana wakhe uSimamkele (6) babe behleli kwigumbi elikhulu kwakule ndlu bezibukelele umabonakude.

Oku kwenzeke ngoLwesithathu kwiveki ephelileyo emva kwentsimbi yesibini emini. Olu sapho lugqibe iveki izolo lusanxibe ezo zazikulo esiqwini xa kwakusitsha kwaye ngoku luxinene kwindlu engurontawuli esindileyo engenawo kwambane, ibhedi inye kwaye iliqonga njengoko iyibhedi endala. Ngaphakathi kwindlu enkulu kutshe kwanto, akushiyekanga necephe eli lokutya.

“Isuke yangathi iseliphupha eli kum, andikakholelwa ukuba yenzekile ngoku phofu bendiyibukele ngawam amehlo isenzeka. Umama wam imphethe kakubi mpela kunzima kuye kuba akukho nombane kulo rontawuli sixhwarhe kuwo kuyabanda, asinangubo, ehleli enempilo enkenenkene. Sicela amalizo nokuba yintoni anayo umntu asikhethi kuba akukho neyokulala. Yhini ndiwe ndivuka ndibundukunya lo mzi ngesenti endiyifumanayo kanti isiphelo izokuba sesi. ” utshilo uNora.

UMbhexeshi weANC eAmahlathi uNokuzola Mlahleki obetyelele kweli khaya litshileyo ngoLwesibini, encokola nephephandaba I’solezwe uthi bahlaba ikhwelo kuye nabani na lowo usenempahla zendlu awazitshintshayo angazisebenzisiyo kwanezokunxiba eze ngaphambili, azokolula isandla kolu sapho.

“Abanalo necephe eli lokutya, izazisi zabo, amakhadi, iifowuni kwakunye nemali ebebenayo itshele apha yaluthuthu nayo. Baza kuqalela phantsi ubomi. UNora ngumntu okhutheleyo ovuse eli khaya belilihle kangaka, elakha ngemali zemigalelo, kodwa ube ungenokutsho ukuba uzitsalela nzima. Sixakekile nje sicela amalizo kungokuba yindawo exhalabisayo iAmahlathi kwaye engenamali kuba yile ibikhe yatsha ngo2018. NguMasipala ozisokolelayo odinga loo mancedo nawo. Sakwamkela kwanto enokuthi ivele ezokuncedisa eli khaya,” utshilo uMlahleki.

UMlahleki ebetyelele kweli khaya noNomakhosazana Nongqayi ongusihlalo kwicaucus yamanina eAmahlathi nokwathethela amanina eANC. UNongqayi uthi kubekisela phi kumnikazi womzi ukubabuhlungu ngokutshelwa xa kubuhlungu kuye yena Nongqayi . Uthi ungenelelo olukhawulezileyo luyafuneka kolu sapho kuba kukho nomntu omdala otya amayeza, kubekho nomntwana omncinci ofundayo. Uthi kunzima kuba akukho nombane, kunzima kwaukutya baxhomekeka ebantwini. UNongqayi uthi bathethile noMphathiswa wezoHlaliswa koLuntu ephondweni uNonceba Kontsiwe kwaye baza kuthetha naye noMphathiswa uSiphokazi Lusithi malunga nale meko yeli khaya ukujonga ukuba kungakhawulelwana njani nale ngxaki.

Lowo unomdla wokolula isandla kweli khaya ngempahla zokunxiba, uNora esihlangwini unxiba u8, empahleni ngu42-44, umakhulu unxiba u40 uSamkelo (6) esihlangwini unxiba 131.