Lucela uncedo usapho olutshelwe likhaya

Usapho lakwaMfazwe eBende eDutywa phambi kwendlu yalo ebinamagumbi amahlanu atshe aphela ngenxa yomlilo wesitovu separafini UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Usapho lakwaMfazwe eBende eDutywa lushiyeke nezo zisesiqwini kuphela iimpahla emva kokuba kuthe kwadubula isitovu separafini satshisa, senza njalo ukunwenwela nakumanye amagumbi, atsha aphela.

Isitovu sidubule emva kwentsimbi yesixhenxe ngoMvulo kwiveki ephelileyo ngethuba usapho lulungiselela isidlo sasebusuku.

UNoluthando Mfazwe nongumama wekhaya uthi okubangele ukuba basebenzise esi sitovu kungenxa yocimicimi wombane owenzeka kwilizwe lonke.

Encokola nephephandaba I’solezwe uthe kunzima kakhulu, yinto angazange ayicinge eyokuzibona sele engenakhaya.

UMfazwe uthi ngoku bancedwa ngabantu kwaye ngendawo yokuhlala bancedwe ngumzi abahlobene nawo.

“ Asinayo neyokuqala kwaye singazi nokuba sakuqala ngaphi.”

Uthi ucela uncedo kuye nabani na onokubancedisa abahlangule kule ntlungu.

Uthi abantwana bona bancedwe sisikolo kwimpahla zokunxiba. Uthi wayechazile kuceba wakhe kodwa akukabikho ncedo lufikayo okwangoku.

Ukwadiza ukuba noMasipala waseMbhashe wafika wathatha iifoto okwangoku akukabikho nto ifikileyo.

Lowo unokuthi ancede angatsalela I’solezwe lesiXhosa kwa: 043 721 1547