Lucholwe lulahlwe ethafeni usana olubomvu

EKAPA: USANA oluneeveki ezine luzelwe nelifunyenwe lulahliwe ethafeni eLansdowne luthathwe lwabekwa kwindawo ekhuselekileyo ngelixa kusakhangelwa abazali.

Isithethi seSebe loPhuhliso loLuntu uEsther Lewis, ukhuthaze abazali abangakwaziyo ukondla abantwana banikezele ngabo koonontlalontle.

 

“Isebe lethu linikezela ngenkxaso kusapho nasebazalini. Abazali abasokolayo bangathetha noonontlalontle bacetyiswe ngokugcinelwa abantwana okwethutyana okanye bafunelwe indawo yokugcinwa. Eli tyala sele linikezelwe unontlalontle ozakungenelela,” utshilo.

 

Ababhaqe lo mntwana bathi le nkwenkwana ibigqunywe ngengubo yaze yalahlwa ebaleni.

 

“Siye sazisa amapolisa emva koko. Ngethamsanqa afike kwangoko. Imasikizi le meko, xa umntu engakwazi ukondla umntwana makanikezele ngaye. Ubenentlahla lo mntwana ngoba sikhawuleze sambhaqa. Ukuba bekugqithe usuku elapha ngekwenzeke ntoni?,” utshilo uNoliso Bhoyana omnye wabo babone olu sizi.

 

UNolwazi Booi ohlala kumatyotyombe aseVlei nalapho kurhaneleka ukuba lo mntwana ngowalapho, uthe into enje iqhelekile kule ngingqi. “Ixhaphakile le nto kule ndawo. Abantu balapha bayasokola kodwa bayazala. Bathi bakungakwazi ukubondla babalahle. Into ebuhlungu yeyokuba yimveku le. Bazali hlukanani nokulahla abantwana,” utshilo.

 

UBooi uthe kukho umama owavula isikolo soonomngqushwana esingavaliyo kuba efuna ukukhawulelana nemeko ezilolu hlobo. “Akahlawulisi nepeni. Uzisa nje umntwana uchaze imeko yakho,” utshilo.

 

Ipolisa ebelikule ndawo kulahlwe kuyo lo mntwana lithe: “Abahlali basazisile ngale meko saze samsa kwisikhululo sethu sabiza i-ambulensi bamhlamba bamsa kwisibhedlele sabantwana iRed Cross.”

 

Isithethi samapolisa uFC van Wyk uthe kuvulwe ityala lokulahla umntwana.

 

“Lo mntwana uyinkwenkwe uqikelelwa phakathi kweeveki ezintathu okanye ezine ubudala. Ufunyenwe phambi kwendlu ebaleni eSt Joseph Road eLansdowne kwindawo yaseGroenvlei,” utshilo.

Umntu onolwazi ngalo mntwana uyacelwa atsalele uCrimeStop ku 086 001 011 or SMS Crime Line 32211.