Luckeez Mfowethu: ‘Kukho umntu ofuna ukundibulala, ningathi khange nditsho’

UMSASAZI woMhlobo Wenene uLuckeez Mfowethu othe gqolo ukufumana izigrogriso yena neqabane lakhe elitsha UMFANEKISO: FACEBOOK
“Kukho umntu ofuna ukundibulala. Kunganamhlanje okanye ngomso.”
La ngamazwi athethwa ngumsasazi woMhlobo Wenene FM uLucky Thembinkosi Matyolweni, owaziwa ngelikaLuckeez Mfowethu, emva kwezigrogriso zakutshanje zokumbulala. 
Owona nobangela wezi zigrogriso ungaqinisekiswa ngabezomthetho, kodwa I’solezwe lesiXhosa live kulo msasazi, ngethuba lincokola naye, ukuba la “mayelenqe” urhanela ukuba aphekwa yinkosikazi ebefudula etshate nayo uNozuko Silanja-Matyolweni. 
Ekuqaleni kuka2018, lo msasazi ebephuma engena kwiinkundla zamatyala ezama ukuqhawula umtshato wakhe weminyaka esibhozo noNozuko.
Ethetha ngezi grogriso zakutshanje uLuckeez uthi: “Kufike abafana abathathu apha endlini besithi bakhangela indawo ethengisa iipilisi, ndabaxelela ukuba mabahambe kwam akuthengiswa pilisi. Izolo emini kufike enye izigqume ngesilamba (hood), ithi izokucela ukutya, sayixelela ukuba asinakutya. Le ntwana ithe ihamba nabantwana kodwa xa siyijonga ihamba yodwa. 
“Namhlanje (Lwesine) kuthwa le ntwana ifike nenye ithetha isiBhulu, ithethela phantsi into engavakaliyo.” 
ULuckeez uthi kudala ezibika ezi zehlo zenzeka kuye emapoliseni kodwa akaboni kukhawuleza nangqwalasela ngobomi bakhe obusesichengeni. 
“Ndiza kuvele ndife apha, abantu bangayazi nokuba kwenzeke ntoni. Ndibone ukuba mandiwufake nakuFacebook wam lo mba ukuze abantu bazibonele.”
ULuckeez uthi kwankqu neqabane lakhe elitsha lifumana imiyalezo egrogrisayo kwinombolo engaziwayo. 

I’solezwe lesiXhosa liwubonile omnye kule miyalezo ubhalwe ngolu hlobo: “Jonga nana yekana noLucky ukuba awufuni kufa. Sukuziqhathisa ngendoda enomfazi. Uyakubhanxa akakuthandi. Wena zifunele umntu phambi kokuba ubone imifanekiso yakho eze kuFacebook. Uzokufa ndiyakulumkisa. Yeka ubuhenyukazi okanye uzocholwa ufile, ungaziwa.”


ULuckeez uthi konke oku kumfikela ekwintlungu yokubhujelwa ngabantu abasondele entliziyweni yakhe. 

“Kwinyanga enesiqingatha edlulileyo bendingcwaba utata ebhubhe ngendlela engaqondakaliyo. Kwiiveki ezimbini phambi koko bendingcwaba umtshana wam. Kunyaka phambi koko ndandingcwaba usisi wam owadutyulwayo. Kwiminyakana phambi koko ndandingcwaba umama wam. Usapho lwam luyaphela phambi kwam ndijongile,” utshilo uLuckeez. 

Iinzame zokufumana ilizwi kumapolisa bezingekaphumeleli ngethuba sibhala eli nqaku